Abagwebi 15
15
1Kwaye kute emva kwemihla etile, ngemihla yokuvunwa kwenqolowa, wandula u‐Samsone watyelela kumfazi wake ngetakane lebokwe, wati: Ndiya kungena kumfazi wam enkambilini. Kodwa uyise ebengamvumeli ukuba angene. 2Waza uyise wati: Bendisiba ngenyaniso umtiyile kanye; ngako ndamnika kumlingane wako: udade wake omncinane akamdluli na ngokuba mhle? mtabate keesikundleni sake.
3Wandula u‐Samsone wati ngabo: Andinatyala ngoku ngakuwo ama‐Filistiya, nakuba ndiwenzela ububi. 4Wasuka u‐Samsone waya wabamba amakulu matatu empungutye, watabata izikuni, waguqula umsila ngakuwo umsila, wabeka isikuni sinye pakati kwemisila mibini. 5Wati akupemba umlilo ezikunini, wazindulula pakati kwenqolowa esemiyo yama‐Filistiya, watshisa nezita zenqolowa, nenqolowa esemiyo, nezitiya zeminquma.
6Andula ama‐Filistiya ati: Ngubanina owenze oku? Kwatwa: Ngu‐Samsone, umyeni wom‐Timnate, ngokuba ebetabata umfazi wake, wamnika kumlingane wake. Enyuka ke ama‐Filistiya, atshisa yena noyise ngomlilo.
7Kodwa u‐Samsone wati kuwo: Nakuba nenze ngokunjalo, ndiya kuzipindezelela kuni noko; ndoti ke kamva ndiyeke. 8Waza wawabeta umlenze netanga, ngesibulalo esikulu. Wasuka wehla, wahlala emweweni weliwa le‐Hetame.
9Andula ama‐Filistiya enyuka, ati waca kwa‐Juda, azitwabulula e‐Lehi. 10Aza amadoda akwa‐Juda ati: Yinina ukuba ninyukile ngakuti? Ati ke: Sinyukile ukuze simnxibe u‐Samsone, senze kuye njengokuba enze kuti. 11Asuka ehla amawaka matatu amadoda akwa‐Juda, aya emweweni weliwa le‐Hetame, ati ku‐Samsone: Akwazi na, ukuba ama‐Filistiya apata ubukosi pezu kwetu? yinto nina le uyenzileyo ngakuti? Wayesiti kuwo: Njengokuba ebesenza kum, ndenje njalo kuwo. 12Ati kuye: Sihlile ukuza kukunxiba, sikunikele esandleni sama‐Filistiya. Waza u‐Samsone wati kuwo: Ndifungeleni ukuba aniyi kundiwela ngokwenu. 13Atsho kuye esiti: Hai; koko siya kuqinisa ukukunxiba, sikunikele esandleni sawo; kodwa ngenyaniso asiyi kukufisa. Aza amnxiba ngentambo ezintsha zambini, amnyusa eweni.
14Wati akufika e‐Lehi, ama‐Filistiya amemeza ngakuye ngovuyo. Wandula umoya kayehova wamqubula, zati intambo ezisezingalweni zake zaba njengefelase etshisiweyo ngomlilo, nezinxibo zake zacumbuluka ezandleni zake. 15Waza wafumana umhlati omtsha weqwaṙashe, wasolula isandla sake wawutabata, wabulala ngawo amadoda aliwaka. 16Wayesiti u‐Samsone: Ngomhlati weqwaṙashe ndibulele imfumba pezu kwemfumba, ngomhlati weqwaṙashe ndibulele amadoda aliwaka.
17Kwabekute, akuba egqibile ukuteta, walahla umhlati esandleni sake, wabiza londawo nge‐Ramate‐lehi#15:17 Oko kukuti: Induli yomhlati..
18Wada wanxanwa kakulu, wabiza kuyehova, wati: Wena unikile olusindiso olukulu esandleni sesicaka sako nje, ndiya kufa kaloku ngenxanwa na, ndiwe esandleni saba bangalukileyo? 19Waye utixo wacandela isigingqi esise‐Lehi, aza apuma kuso amanzi; wati akuba eselile, umoya wake wabuya, wada wapila. Ngako oko wabiza igama lawo ngokuti: Ngumtombo wowabizayo, ose‐Lehi nanamhla nje.
20Wayegweba o‐Sirayeli emihleni yama‐Filistiya iminyaka yamashumi mabini.
Currently Selected:
Abagwebi 15: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: