U‐Jeremiya 2
2
1LALEKELA ilizwi likayehova ukuza kum, lisiti: 2Hamba, ushumayele ezindlebeni ze‐Yerusaleme, usiti:
Utsho uyehova ukuti: Ndiyakukumbulela ububele bobutsha bako, utando lwokwendiswa kwako, ukundilandela kwako entlango, emhlabeni obungahlwayelwa. 3U‐Sirayeli ebeyingcwele kuyehova, ulibo lwemveliso yake: bonke abamdlayo bazuza ityala; ilishwa leza pezu kwabo, utsho uyehova.
4Yivani ilizwi likayehova, ndlu ka‐Yakobi! nani zizalwane zonke zendlu ka‐Sirayeli! 5Utsho uyehova ukuti: Bubumenemene bunina babufumanayo oyihlo benu kum, ukuba bemka kude kum, balandela okungendawo, baba ngabangendawo? 6Abatanga: Upina uyehova, owasinyusayo elizweni le‐Jipete, owasikokelayo entlango, ezweni lobugxwayiba nelezihogo, ezweni lokwoma neletunzi lokufa, ezweni bekungacandwa mntu kulo, nalapo abantu bebengahlali kona? 7Kanjalo ndaningenisa elizweni elicu̔mileyo, ukuba nitye isiqa̔mo salo nobumnandi balo; kanti nakungena, nalinco̔lisa ilizwe lam, nelifa lam nalenza libe yintshontsho. 8Abaperisite bebengati: Upina uyehova? nabo bapete umteto bebengandazi; abalusi nabo bagqita ngakum; nabaprofite baprofitesha ngo‐Bali, balandela izinto ezingenakunceda. 9Ngako oko ndoba ndisapika nani, utsho uyehova; ewe, ndopika nabo abantwana babantwana benu. 10Ngokuba, welelani eziqitini zama‐Kiti, nibone; nitume nase‐Kedare, nigqale kunene, nibone ukuba kuko into enje nje na. 11Kesanana isizwe otixo na, nangona bengenguye utixo? kanti abantu bam banene ubungcwalisa babo ngento engenakunceda. 12Yibani nokuti nqa, nina mazulu! pezu kwoku; ewe, yitini hlatyu, nimangaliswe kakulu, utsho uyehova. 13Ngokuba izikohlakalo zibini bezenzile abantu bam: mna bandishiyile, umtombo wamanzi apilileyo, ukuba bazimbele amacibi, amacibi aqekekileyo, angabambiyo amanzi.
14U‐Sirayeli usisicaka na? ungozelweyo endlwini na? yinina ke ukuba uba yinto yokupangwa? 15Ingonyamana ziyamkonyela, ziyaku̔pa ilizwi lazo; ziyalenza ilizwe lake intshabalalo; izixeko zake zitshisiwe, kungeko ohlala kuzo. 16Kanjako usapo lwase‐Nofe nolwase‐Tahapanesi luyakudlela ukakai. 17Akuzenzelanga oku na, ekubeni umshiyile uyehova, utixo wako, ngexesha wakukokelayo endleleni? 18Nakaloku, iyinto nina kuwe indlela ye‐Jipete, ukuba uwasele amanzi ase‐Shihore? iyinto nina kuwe nendlela ye‐Asiriya, ukuba uwasele amanzi omlambo? 19Inkohlakalo yako yokululeka, nezipambuko zako zokwohlwaya: yazi ke, ubone, ukuba kuyinto ekohlakeleyo neṙaṙa ukumshiya kwako uyehova, utixo wako, nokuba ukwoyikwa kwam akuko kuwe, itsho inkosi, uyehova wemikosi.
20Ngenyaniso kudala ndayapula iyokwe yako, ndaqaula izinxibo zako; waza wati: Andiyi kukonza; ngokuba pezu kwenduli zonke, nangapantsi kwemiti yonke eluhlaza, ubudungadunga, usenza umbulo. 21Kanti mna bendikutyalile umti weveyine odumileyo, imbewu elungileyo ipela; ute nina ngoko ukundiguqulelwa ube zizihlumelo ezonakeleyo zomti weveyine wasemzini? 22Nakuba uzihlambayo ngenetere, uzitabatele isepe eninzi, inkohlakalo yako iba̔liwe noko pambi kwam, itsho inkosi, uyehova. 23Ungati nina ukuti: Andinco̔lisekile, andibalandelanga o‐Bali? kangela indlela yako esihlanjeni, yazi ke into uyenzileyo: uyinkamelakazi entsha enamendu ipalapala ezindleleni zayo; 24uliqwaṙakazi eliqele intlango, eliti ngenkanuko yomxe̔lo walo lisezele umoya; ubushushu balo ngubanina ongabunqandayo? bonke abalifunayo abayi kudinwa; ngenyanga yalo bolifumana. 25Bamba unyawo lwako lungabi lungenazihlangu, nomqala wako ungabi nanxanwa: kodwa uti: Akuko itemba; hai, ngokuba ndibatandile abasemzini, nasemva kwabo ndiya kuya. 26Njengokuba isela lidanile nxa lifunyanwayo, kwa njalo badanile indlu ka‐Sirayeli; bona, okumkani babo, inkosana zabo, nabaperisite babo, nabaprofite babo; 27abati kuwo umti: Ungubawo wena; nakulo ilitye: Wena undizele; ngokuba bendinikele umhlana, bungebubuso; noko ngexesha lelishwa labo baya kuti: Suka, usisindise! 28Bapina kodwa otixo bako uzenzele bona? mabasuke, ukuba bangakusindisa ngexesha lelishwa lako; ngokuba njengenani lezixeko zako benjalo otixo bako, Juda! 29Kunganina ukuba niya kupika nam? nina nonke nigqitile ngakum, utsho uyehova. 30Ndifumane ndabeta usapo lwenu; alulwamkelanga ululeko: elenu iṙele libadlile abaprofite benu, njengengonyama etshabalalisayo.
31Sizukulwanandini! gqalani ilizwi likayehova. Bendiyintlango ko‐Sirayeli na? umhlaumbi ilizwe lesitokotoko na? Yinina ukuba bati abantu bam: Sizinkosi, asiyi kubuya size kuwe? 32Intombi iya kulibala izihombo zayo na, nomtshakazi imibinqo yake na? noko abantu bam balibele mna imihla engenakubalwa. 33Kunganina ukuba uyalungisa indlela yako ukufuna utando? ngokunjalo kwa amankazana akohlakeleyo uwafundisile indlela zako. 34Kwa semasondweni engubo zako kufunyenwe igazi lemipefumlo yamahlwempu angenatyala; andilifumananga ngokungongxa, koko lipezu kwazo zonke ezizinto. 35Uti noko: Ngokuba ndingenatyala, okunene ingqumbo yake yobuya kum. Bona ke, ndiya kupikisana nawe, ngenxa yokuba uti: Andonanga. 36Kunganina ukuba uyatyutya kakulu ukuya kuguqula indlela yako? uya kudanela i‐Jipete nayo, njengokuba ubudanela i‐Asiriya. 37Kwa nalapo uya kupuma, unezandla zako pezu kwentloko yako; ngokuba uyehova elahlile amatemba ako, ngako akuyi kutamsanqeleka ngawo.
Currently Selected:
U‐Jeremiya 2: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: