U‐Jeremiya 4
4
1Ukuba uya kubuya, Sirayeli! utsho uyehova, buyela kum; nokuba uya kukwelelisa izinto zako ezizondekileyo kwa pambi kwam, akuyi kuba libadubadu. 2Wauya kufunga ngokuti: Ehleli nje uyehova! ngenyaniso, ngobugwebo, nangobulungisa; zaye izizwe ziya kuti zinetamsanqa kuye, nakuye ziya kuqa̔yisa.
3Ngokuba esitsho uyehova kumadoda akwa‐Juda nakwi‐Yerusaleme nkuti: Ziku̔beleleni umhlaba olifusi, ningahlwayeli pakati kwenkanga. 4Zaluseni kuyehova, nisuse amajwabu entliziyo yenu, nina madoda akwa‐Juda nabemi base‐Yerusaleme! hleze bupume ubuṙalaṙume bam njengomlilo, butshe, kungabiko obucimayo, ngenxa yenkohlakalo yezenzo zenu.
5Xelani kwa‐Juda, nivakalise e‐Yerusaleme; niti: Vutelani ixilongo elizweni; dandulukani kakulu, niti: Zihlanganiseni, siye singene ezixekweni ezinqatyisiweyo. 6Pakamisani ibanile e‐Ziyone; yenzani intsabo, ningemi; ngokuba ndiza kuvelisa ilishwa enode, nembujiswa enkulu. 7Ingonyama iyanyuka eludadeni lwayo, nomtshabalalisi wezizwe selendulukile; upumile endaweni yake ukuza kulenza ilizwe lako ingcitakalo; izixeko zako ziya kucitwa, zingabi nabemi. 8Ngenxa yoku binqani ngentlakantlaka, yenzani isijwili, nilile; ngokuba ingqumbo eshushu kayehova ingabuyi kuti. 9Kwakuya kuti ngomhla lowo, utsho uyehova, intliziyo yokumkani iya kububa, nentliziyo yenkosana; abaperisite bomangaliswa, nabaprofite boti nqa.
10Ndaza ndati: Au, Nkosi Yehova! ngenyaniso ukohlisile kakulu abantu aba, ne‐Yerusaleme, usiti: Niya kuba noxolo; kanti iṙele liyafikela ebomini.
11Ngeloxesha kuya kutiwa kwababantu nakwi‐Yerusaleme: Umoya ofudumeleyo wasezindaweni ezipezulu entlango, ngakuyo intombi yabantu bam, kungekukuba wele, kungekukuba ucokise kanjalo; 12umoya ozeleyo pezu kwonjalo wondizela: kaloku kanjalo ndiya kuteta imigwebo yam ngakubo. 13Bona ke, njengamafu uya kunyuka, nanjengesaqwiti inqwelo zake; amahashe ake anamendu pezu kwenkozi. Hai usizi lwetu! ngokuba sicitakaliswa. 14Hlanza intliziyo yako enkohlakalweni, Yerusaleme! ukuze usindiswe: kude kube ninina aya kuhlala pakati kwako amaqinga ako angendawo? 15Ngokuba ilizwi lixela livela e‐Dane, lishumayela ubunzima livela entabeni yakwa‐Frayime. 16Bikani ezizweni, bona ke, shumayelani pezu kwe‐Yerusaleme, ukuti: Abalaleli bavela elizweni elikude, abaku̔pa ilizwi labo ngakuzo izixeko zakwa‐Juda. 17Njengabalindi bentsimi, boba ngakuyo ngento engqongayo; ngokuba ivukele ngakum, utsho uyehova. 18Indlela yako, nezenzo zako zikwenzele ezizinto: yiyo le inkohlakalo yako; ngenyaniso iṙaṙa, ngenyaniso iyafikela entliziyweni.
19Amatumbu am! amatumbu am! ndinokututumba ezindongeni zentliziyo yam; intliziyo yam iyancwina pakati kwam; andingeti cwaka; ngokuba intlokoma yexilongo uyivile, mpefumlo wam! umemezo lwokulwa. 20Isapuko pezu kwesapuko siyashunyayelwa; ngokuba ilizwe lonke licitakaliswa; ngesiqupe ziyacitakaliswa intente zam, nangepanyazo izikuselo zam. 21Kude kube ninina ndiya kuyibona ibanile, ndiyive nentlokoma yexilongo? 22Ngenyaniso abantu bam banyabile; mna abandazi; balusapo oludolileyo; abanakuqonda: balumkile ukwenza okukohlakeleyo, kodwa ukwenza okulungileyo abakwazi. 23Ndakangela ilizwe, kekaloku bona ke, belibugxwayiba belizé; kwa nezulu, kodwa bekungeko ukukanya kwalo. 24Ndakangela intaba, kekaloku bona ke, bezingcangcazela, nazo zonke induli zadidiza. 25Ndakangela, kekaloku bona ke, bekungeko namntu, nazo zonke intaka zezulu zibe zibalekile. 26Ndakangela, kekaloku bona ke, umhlaba ocu̔mileyo ubuyintlango; nazo zonke izixeko zawo bezicitiwe pambi kwoyehova, pambi kwobushushu bengqumbo yake. 27Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Ilizwe lonke loba yingcitakalo; kodwa andiyi kukwenza ukugqitywa noko. 28Ngenxa yoku umhlaba uya kulila, namazulu pezulu oba mnyama; ngenxa yokuba ndikutetile, ndikucingile, ndingayi kuba nosizi, ndingayi kuguquka kuko kanjako. 29Ngesandi sabakweli bamahashe nabatoli ziya kubaleka zonke izixeko; baya kungena ezindadeni, bakwele emaweni: zonke izixeko ziya kushiywa, kude kungabiko mntu ohlala kuzo. 30Nawe ocitakalisiweyo! uya kwenza nto nina? nakuba uzivatisa ngento ebomvu, nakuba uzihomba ngezihombo zegolide, nakuba uṙazula amehlo ako ngeqabo, wofumana uzenza mhle; abatandwa bako bokudela, baya kufuna ubomi bako. 31Ngokuba ndivile ilizwi njengelomfazi oza kuzala, elotutumbelo njengolwozibulayo, ilizwi lentombi yase‐Ziyone: iyabefuza, iyatwabulula izandla zayo, isiti: Hai ke usizi lwam! ngokuba umpefumlo wam udiniwe ngababulali.
Currently Selected:
U‐Jeremiya 4: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: