U‐Jeremiya 7
7
1ILIZWI elezayo ku‐Jeremiya livela kuyehova, lisiti: 2Yima esangweni lendlu kayehova, ushumayele kona elilizwi, uti:
Yivani ilizwi likayehova, nonke nina bakwa‐Juda! abangenayo ngalamasango ukuza kubedesha uyehova. 3Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Lungisani indlela zenu nezenzo zenu, ndandiya kunihlalisa kulendawo. 4Ningatembeli kuwo amazwi obuxoki, nisiti: Itempile kayehova, itempile kayehova, itempile kayehova, zizo ezi. 5Koko, ukuba niya kulungisa ngenyaniso indlela zenu nezenzo zenu; ukuba niya kwenza ngenyaniso okufanelekileyo pakati kwomntu nommelwane wake; 6ukuba aniyi kubandezela owasemzini, nenkedama, nomhlolokazi, ningapalazi igazi elingenatyala kulendawo, ningalandeli otixo bambi kube kukwenzakala kwenu; 7ndiya kwandula ndinihlalise kulendawo, elizweni endalinikayo koyihlo benu, kude kube ngunapakade kanapakade. 8Bona ke, niyatembela kuwo amazwi obuxoki, lawo angenakunceda. 9Niya kuba̔ na, nibulale, niṙexeze, nifunge ngobuxoki, niqu̔misele u‐Bali, nilandele otixo bambi eningabaziyo; 10nize noko na, nime pambi kwam kulendlu, ebizwayo ngegama lam, niti: Sikululwe; ukuze nizenze zonke ezizinto ezibuntshontsho nje? 11Kanene indlu le, ebizwayo ngegama lam, iba ngumqolomba wamanyangaza emehlweni enu na? Ewe, bona ke, ndibonile mna, utsho uyehova.
12Koko hambani ke niye endaweni yam ebise‐Shilo, apo ndamisa kona igama lam ekuqaleni, nibone oko ndakwenza kuyo ngenxa yenkohlakalo yabantu bam o‐Sirayeli. 13Nakaloku, ngokokuba niyenzile yonke lemisebenzi, utsho uyehova, ndaza ndateta kuni, ndivuka kusasa nditeta, kanti nibe ningeva; ndanibiza, kanti nibe ningasabeli; 14kukona ndiya kwenza kulendlu ibizwayo ngegama lam, enitembela kuyo, nakuyo indawo endayinikayo kuni nakoyihlo benu, njengoko ndikwenzele i‐Shilo. 15Ndandiya kunilahla ebusweni bam, njengokuba ndibalahlile bonke abazalwana benu, yonke inzalo ka‐Frayime.
16Ngako wena ungatandazeli ababantu, ungabapakamiseli isikalo nesitandazo, ungandibongozi kanjako; ngokuba ndingayi kukuva. 17Akukuboni na oko bakwenzayo ezixekweni zakwa‐Juda, nasezitarateni ze‐Yerusaleme? 18Abantwana bayateza inkuni, noyise bayapemba umlilo, nabafazi bayabuca intlama, ukwenza izonkana kukumkanikazi wezulu, nokutululela otixo bambi iminikelo yokusela, ukuze bandiqumbise. 19Ndim na bamqumbisayo? utsho uyehova; asi ngabo bona na, kube kukudana kwobabo ubuso? 20Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ingqumbo yam nobuṙalaṙume bam buya kugalelwa pezu kwalendawo, pezu kwabantu napezu kwezilo, napezu kwemiti yasendle, napezu kwesiqa̔mo somhlaba; babuya kutsha, bungacinywa.
21Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Yongezani amadini okutshiswa enu kuyo imibingo yenu, nitye inyama. 22Ngokuba bendingateti noyihlo benu, bendingabayaleli kanjako, emhleni ndabanyusayo elizweni le‐Jipete, ngendawo zamadini okutshiswa nemibingo; 23koko lento ndabendibayalela ngayo, ndisiti: Pulapulani ilizwi lam, ndandiya kuba ngutixo wenu, noti nina nibe ngabantu bam: kanjalo hambani kuyo yonke indlela endiya kuniyalela ngayo, ukuze kulunge kuni. 24Abapulapula noko, abatoba indlebe yabo kanjako, kodwa bahamba ngamacebo nangobulukuni bentliziyo yabo ekohlakeleyo, baya ngomva, bengayanga ngapambili. 25Kuselokwalomhla bapumayo oyihlo benu elizweni le‐Jipete, kwada kwanamhla nje, nditumile kuni zonke izicaka zam abaprofite, imihla ngemihla ndivuka kusasa nje ndizituma. 26Abapulapula kum noko, abatoba indlebe yabo kanjako, kodwa bayenza lukuni intamo yabo; benza ngokukohlakeleyo ngapezu kwoyise babo. 27Nakuba uwateta kubo onke lamazwi, abayi kupulapula kuwe noko; nakuba ubizayo kubo, abayi kusabela kuwe. 28Ngako woti kubo: Esi sisizwe esingapulapuliyo ilizwi likayehova, utixo waso; esingayamkeli imfundiso kanjako: ibubile inyaniso, inqamkile emlonyeni wabo.
29Gugula inwele zako, uzilahle, upakamise isililo pezu kwezipezulu indawo; ngokuba uyehova esikalele wasibukula isizukulwana somsindo wake. 30Ngokuba usapo luka‐Juda lwenzile okukohlakeleyo emehlweni am, utsho uyehova: lubekile izinto zalo ezibuntshontsho kulondlu ibizwayo ngegama lam, ukuyinco̔lisa. 31Kanjalo lwakile indawo ezipakamileyo zase‐Tofete, esesihlanjeni sonyana ka‐Hinome, ukuba lutshise onyana balo nentombi zalo emlilweni; into endingayiyalelanga, nengangenanga entliziyweni yam. 32Ngako oko, bona ke, imihla iyeza, utsho uyehova, nxa ingasayi kubizwa ngokuti yi‐Tofete, nesihlambo sonyana ka‐Hinome, koko iya kubizwa ngokuti sisihlambo sobulalo; ngokuba beya kuncw̔aba e‐Tofete, kude kungabi sabiko indawo. 33Nezidumbu zababantu zoba kukutya ezintakeni zezulu nasezilweni zomhlaba, kungeko ozitusayo. 34Ndandiya kupezisa ezixekweni zakwa‐Juda, nasezitarateni ze‐Yerusaleme, ilizwi lomgcobo nelizwi lovuyo, ilizwi lomyeni nelizwi lomtshakazi; ngokuba ilizwe loba yintshabalalo.
Currently Selected:
U‐Jeremiya 7: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: