U‐Joweli 1
1
ISAHLUKO I.
1ILIZWI likayehova elezayo ku‐Joweli, unyana ka‐Petuweli:
2Yivani oku, nina badala! bekani indlebe, nonke nina bemi belizwe! Kube kuhlile oku na emihleni yenu? umhlaumbi emihleni yoyihlo benu na? 3Xelelani abantwana benu ngako, nabantwana benu mabaxelele abantwana babo, nababo abantwana isizukulwana sasemva. 4Okushiyiweyo ngumqikela, kudliwe yinkumbi; nokushiyiweyo yinkumbi, kudliwe sisiboto; nokushiyiweyo sisiboto, kudliwe nguṙuxeshe.
5Vukani, nina banxili! nilile; kalani, nonke nina baseli beveyine! ngenxa yeveyine entsha, ngokuba inqamkile emlonyeni wenu. 6Ngokuba isizwe sinyukele pezu kwelizwe lam, esinamandla, esingenakubalwa; amazinyo aso ngamazinyo engonyama; sinamenyo omhlati engonyamakazi. 7Senzele umti weveyine wam ukucitakala, nomkiwane wam ukwapuka; sigqibele ukuxoza amaxolo awo, sawuwisa: amagatya awo enziwe mhlope. 8Yiba nosizi, njengomtshakazi obinqiweyo ngentlakantlaka, ngenxa yendoda yobutsha bake. 9Umnikelo wokudla, nomnikelo wokusela, unqanyulwe endlwini kayehova: bayalila abaperisite, abakonzi bakayehova. 10Ilizwe licitakele, umhlaba uyalila; ngokuba inqolowa icitakele, iveyine entsha yomile, ioli iyacubuka.
11Yibani nokudana, nina balimi bomhlaba! kalani, nina balimi bemiti yeveyine! ngenxa yenqolowa nangenxa yeṙalasi; ngokuba ukuvunwa kwelizwe kububile. 12Umti weveyine womile, nomkiwane ubunile; igranate, nomti wepalime, noweapele, yonke imiti yelizwe yomile; ewe, uvuyo lutshile konyana babantu.
13Binqani, nenze isijwili, nina baperisite! kalani, nina bakonzi besibingelo! ngenani, nihlale ngentlakantlaka ubusuku bonke, nina bakonzi botixo wam! ngokuba umnikelo wokudla, nomnikelo wokusela, ubanjiwe kuyo indlu katixo wenu. 14Miselani inzilo engcwele, memani intlanganiso enkulu; hlanganisani abadala, nabo bonke abemi belizwe, beze endlwini kayehova, utixo wenu, nibizele kuyehova.
15Au, umhla lowo! ngokuba umhla kayehova ukufupi, nanjengengcitakaliso evela konamandla onke uya kuza. 16Ukudla akunqanyulwanga pambi kwamehlo etu na? kwa novuyo nomgcobo endlwini katixo wetu na? 17Inkozo zibolile ngapantsi kwamagada azo; izisele zitshabalele, amaqonga acitiwe, ngokuba inqolowa yomile. 18Hai ukugula kwenkomo! hai ukuxakeka kwemihlambi yenkabi! ngokuba zingenadlelo: ewe, imihlambi yezimvu ici̔takalisiwe. 19Ndiyabiza kuwe, Yehova! ngokuba umlilo udlile amaṙiwa asentlanga, nayo yonke imiti yasendle ilangatye liyitshisile. 20Kwa izilo zasendle ziyakangela ngakuwe: ngokuba imilanjana yamanzi itshile, namaṙiwa asentlango umlilo uwadlile.
Currently Selected:
U‐Joweli 1: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: