U‐Jona 4
4
1Kodwa kwabuhlungu ku‐Jona ngobuhlungu obukulu, waqumba ke. 2Waza watandaza kuyehova, wati: Ke, Yehova! ilizwi lam belingelilo eli na, xeshekweni bendiseko elizweni lam? Ngako oko ndapangela ngokwesabela e‐Tareshishe; ngokuba bendisazi ukuba wena u ngutixo onofefe nenceba, oqumba kade, onobubele obukulu, onosizi ngobubi. 3Nakaloku, Yehova! uze ususe kum ubomi bam: ngokuba kulungile ukufa kwam ngapezu kwobomi bam.
4Wandula wati uyehova: Uyalungisa ukuqumba na?
5Wasuka wemka u‐Jona esixekweni, wahlala ngecala lasempumalanga lesixeko, wazenzela kona ipempe, wahlala ngapantsi kwalo emtunzini, wada wabona kwohla nto nina esixekweni. 6Waza uyehova utixo wamisela ikikayone, wayinabisela pezulu pezu kwo‐Jona, ukuba ibe ngumtunzi pezu kwentloko yake, ukumkulula ebuhlungwini bake. Wati u‐Jona wavuya ngovuyo olukulu ngenxa yayo ikikayone.
7Kodwa utixo wamisela intlava ekunyukeni kwesifingo, kwakusa, eyayona ikikayone, yada yabuna. 8Kwaza kwati, lakupuma ilanga, utixo wamisela umoya wasempumalanga olulwopu, lati ilanga labalela pezu kwentloko ka‐Jona, wada wacubuka, wazicelela ukuba makafe, wati: Kulungile ukufa kwam ngapezu kwobomi bam.
9Wandula utixo wati ku‐Jona: Uyalungisa ukuqumba na ngenxa yekikayone? Wayesiti: Ndiyalungisa ukuqumba, kude kube sekufeni.
10Wayesiti uyehova: Wena ubetwe lusizi pezu kwekikayone, ongazamanga ngayo, nongayikulisanga; eyapumayo ebusuku bunye, eyabubayo ebusuku bunye kanjako: 11nam ke, ngendingabetwa lusizi na pezu kwe‐Nineve, esosixeko sikulu, ekukuso abantu abagqita amawaka alikulu linamashumi mabini abangeqiqe pakati kwesokunene isandla sabo nesokohlo sabo, nento eninzi yenkomo?
Currently Selected:
U‐Jona 4: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: