U‐Malaki 1
1
ISAHLUKO I.
1UMGWEBO welizwi likayehova ko‐Sirayeli ngaye u‐Malaki.
2Ndinitandile nina, utsho uyehova; kanti niti: Usitandile ngokuyinina? U‐Esau ubengengumkuluwe ku‐Yakobi na? utsho uyehova; noko ndamtanda u‐Yakobi, 3no‐Esau ndamtiya; ndazenza intaba zake zibe yingci̔takalo, nelifa lake libe lelempungutye zentlango. 4Ngokokuba isiti i‐Edome: Sihlentshuzisiwe, kodwa sobuya siwake amanxuwa; utsho uyehova wemikosi ukuti: Bangaka bona, kodwa ndiya kuci̔ta mna; babeya kubizwa ngokuti: Ngumda wenkohlakalo; nangokuti: Ngabantu uyehova abaqumbelayo kude kube ngunapakade. 5Aya kubona namehlo enu, naniya kuti: Uyehova makenzwe mkulu kwa semdeni wakwa‐Sirayeli.
6Ongunyana uyambeka uyise, nosisicaka inkosi yake: ukuba ke ndinguyise, kupina ukubekwa kwam? nokuba ndiyinkosi, kupina ukwoyikwa kwam? utsho uyehova wemikosi kuni, baperisite, abadelayo igama lam! Niti noko: Igama lako silidelile ngokuyinina? 7Ngokunikela isonka esinco̔lisekileyo pezu kwezibingelo zam. Niti noko: Sikunco̔lisile ngokuyinina? Ngokutsho kwenu ukuti: Itafile kayehova idelekile. 8Kanjalo xeshekweni ninikelayo into eyimfama ibe lidini, asi kuko okubi na? naxeshekweni ninikelayo esisiqwala nengumlwelwe, asi kuko okubi na? yinikeleni ke kwinkosi yako; yokoliswa nguwe na? umhlaumbi yobubuka ubuso bako na? utsho uyehova wemikosi. 9Ngako kaloku, bongozani utixo, ukuba asipate ngofefe: kuhlile oku ngani; wobubuka ubuso benu na? utsho uyehova wemikosi. 10Ngubanina kwa pakati kwenu oya kuvala ingcango? ewe, aniyi kubasa pezu kwesibingelo sam ungeko umvuzo. Andinaluyolo kuni, utsho uyehova wemikosi, andiyi kuwamkela umnikelo wokudla esandleni senu kanjalo. 11Koko kwa sekupumeni kwelanga kude kube sekutshoneni kwalo, loba likulu igama lam pakati kwezizwe; nakuzo zonke indawo isiqu̔miso siya kunikelwa kwigama lam nomnikelo wokudla ococekileyo: ngokuba igama lam liya kuba likulu pakati kwezizwe, utsho uyehova wemikosi. 12Kodwa nina nilidyobile ngokutsho kwenu ukuti: Itafile kayehova inco̔lisekile, nesixakato sayo, ukutya kwayo, sidelekile. 13Nite kanjako: Hai ukuba yinkatazo ke! ewe, nikucekisile, utsho uyehova wemikosi; nanizisile inxweleṙa, nesiqwala, nomlwelwe; nizisile nomnikelo wokudla; ngendiwamkela esandleni senu na? utsho uyehova. 14Kodwa makaqalekiswe umkohlisi, onenkunzi emhlambini wake, andule asenze isibambiso, anikele enkosini into eyonakeleyo; ngokuba ndingukumkani omkulu, utsho uyehova wemikosi, negama lam liya kwoyikeka pakati kwezizwe.
Currently Selected:
U‐Malaki 1: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: