Ivangeli ka‐Mateyu 11
11
1Kwaza kwati, xeshekweni abegqibile u‐Yesu ukuyalela abadisipile bake abalishumi linababini, wesuka apo ukuya kufundisa nokushumayela ezixekweni zabo.
2KEKALOKU u‐Johane akuyiva entolongweni imisebenzi ka‐Kristu, watuma ababini bakubadisipile bake, 3wati kuye: Unguye ozayo na, silinde wumbi kusinina? 4Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Hambani nishumayeze u‐Johane izinto enizivileyo nenizibonileyo: 5imfama ziyamkela ukubona kwazo, neziqwala ziyahamba; amaleperi ayahlanjululwa, nezitulu ziyeva; abafileyo bayavuswa, namahlwempu indaba ezilungileyo ziyashunyayelwa kuwo. 6Kanjalo unetamsanqa osukuba engaxakaniswa ngam.
7Kekaloku bakumka aba, waqala u‐Yesu ukuti kwizihlwele ngaye u‐Johane: Napuma naya entlango ukuya kubonela nto nina? ingcongolo izanyazanyiswa ngumoya na? 8Kodwa napuma ukuya kubona nto nina? umntu evatisiwe ngezivato ezitambileyo na? bona ke, abo bambata izivato ezitambileyo basezindlwini zokumkani. 9Kodwa napuma ukuya kubona nto nina? umprofite na? ewe, nditi kuni, nogqitisele umprofite. 10Ngokuba enguye lo kuba̔liwe ngaye ukuti: Bona ke, ndiyatuma isitunywa sam pambi kwobuso bako, esiya kulungisa indlela yako pambi kwako. 11Ngokwenene nditi kuni: Akuvukanga pakati kwabazelweyo ngabafazi omkulu ku‐Johane umbapitizeshi; kodwa lowo umncinane kwabanye ebukumkanini bezulu umkulu kuye. 12Nakuselokwemihla ka‐Johane umbapitizeshi kwada kwakaloku nje, ubukumkani bezulu bunokunyanzelwa, bati abanyanzelayo banxamele ukububamba. 13Ngokuba bekuprofitesha bonke abaprofite nomteto kwada kwako u‐Johane. 14Kanjalo, ukuba niyavuma ukwamkela oku, yena ungu‐Elija obeza kuza. 15Onendlebe zokuva, makeve.
16Kodwa ndosifanisa nanto nina isizukulwana esi? Siyafana nabantwana behleli ezindaweni zentengo, bememeza amakolwane abo, 17besiti nokuti: Sanigwalela, anaduda ke; sanenzela isililo, anenza sijwili ke. 18Ngokuba u‐Johane weza engatyi engaseli, baza bati: Unedemoni. 19Unyana wesintu weza esitya esela, baza bati: Nanku umntu ozinxalayo olinxila, umhlobo wababuti beminikelo naboni. Kanti ubulumko bugwetyelwe lusapo lwabo.
20Wandula waqala ukutetisa izixeko ekwenzelwa kuzo kakulu izenzo zake zamandla, ngokuba zingaguqukanga, esiti: 21Hai ubunzima bako, Korazine! hai ubunzima bako, Betesayida! ngokuba izenzo zamandla ezenzelwa kuni ukuba zazenzelwe e‐Tire nase‐Tsidone, zinga zibe ziguqukile kade zinentlakantlaka notutu. 22Kanjako nditi kuni: Kwo‐nyamezelekela i‐Tire ne‐Tsidone ngomhla womgwebo, ngapezu kwenu. 23Nawe, Kapenayume! opakanyiselweyo kwa sezulwini, uya kuhliselwa kwa sehadesi: ngokuba izenzo zamandla ezenzelwa kuwe ukuba zazenzelwe e‐Sodome, inga iba isahleli kwada kwanamhla nje. 24Kanjako nditi kuni: Kwonyamezelekela ilizwe lase‐Sodome ngomhla womgwebo, ngapezu kwako.
25Ngeloxesha wapendula u‐Yesu wati: Ndiyakubulela, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba! ukuba ufihlele izilumko nezazi ezizinto, wazityilela intsana: 26ewe, Bawo! ngokuba okunjalo bekukolekile ebusweni bako. 27Zonke izinto zinikelwe kum ngubawo: kanjako akuko mntu omaziyo unyana, kupela nguyise; noyise akuko mntu omaziyo, kupela ngunyana, nosukuba unyana etanda ukumtyilela yena.
28Yizani kum, nonke nina nidiniweyo nitwesiwe kakulu, ndandiya kuti mna ndinipumze. 29Twalani iyokwe yam pezu kwenu, nifunde ngam; ngokuba ndilulamile ndinentliziyo etobekileyo: naniya kufumanela imipefumlo yenu ukupumla. 30Ngokuba iyokwe yam iyolile, nomtwalo wam ulula.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Mateyu 11: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: