U‐Mika 4
4
1Kwakuya kuti emihleni yokupela, intaba yendlu kayehova yoqiniselwa engcopo yentaba, ipakanyiselwe pezu kwenduli, ziti izizwe zele kuyo. 2Ewe, zohamba intlanga ezininzi, ziti: Yizani, masinyuke siye entabeni kayehova, nasendlwini yotixo ka‐Yakobi, ukuba asifundise indlela zake, nokuba sihambe emikweni yake; ngokuba umteto uya kupuma e‐Ziyone, nelizwi likayehova e‐Yerusaleme. 3Waeya kugweba pakati kwezizwe ezininzi, azohlwaye intlanga ezinamandla, ezikude; zide zikande iziṙele zazo zibe ngamakuba, nezikali zazo zibe ngamaṙenqa: olunye uhlanga aluyi kupakamisa isiṙele ngakwolunye uhlanga; kanjalo abantu abasayi kuba safunda ukulwa; 4kodwa baya kuhlala abanye ngabanye ngapantsi kwomti weveyine wabo, nangapantsi kwomkiwane wabo, kungeko oya kuboyikisa; ngokuba utshilo umlomo kayehova wemikosi.
5Nakuba zihamba izizwe zonke, ezinye ngezinye, ngegama lotixo wazo, sohamba tina ngegama likayehova, lotixo wetu, kude kube ngunapakade kanapakade.
6Ngomhla lowo, utsho uyehova, ndiya kuhianganisa abaqwalelayo, ndibabute abagxotiweyo, nabo endibabandezeleyo; 7ndandiya kubenza abaqwalelayo babe sisisalela, nabo abebefuduselwe kude, babe sisizwe esinamandla: waye uyehova eya kuba ngukumkani pezu kwabo entabeni ye‐Ziyone, kwa kaloku nje, nakude kube ngunapakade. 8Nawe, nqaba yomhlambi, nduli yentombi yase‐Ziyone! kwa kuwe buya kuza, ewe, buya kuza ubukosi bapambili, ubukumkani bentombi yase‐Yerusaleme.
9KUNGANINA kaloku ukumemeza kwako kangaka? akuko kuwe ukumkani na? amapakati ako abubile na, ukuba ubuhlungu bukubambile njengomfazi oza kuzala? 10Yiba nobuhlungu, ukupe, ntombi yase‐Ziyone! njengomfazi oza kuzala: ngokuba kaloku uya kupuma esixekweni, uya kuma ezindleni, woya kwa se‐Babilone; kona apo uya kuhlangulwa, kona apo uyehova wokukulula esandleni sentshaba zako.
11Nakaloku intlanga ezininzi zibutelene ngakuwe, eziti: Maidyojwe; makabonele i‐Ziyone amehlo etu. 12Kodwa zona azazi amaqinga kayehova, aziliqondi necebo lake; ngokuba eya kuzibuta njengezitungu esibayeni. 13Suka, ubule ke, ntombi yase‐Ziyone! ngokuba ndiya kulwenza upondo lwako lube sisincete, nempupu zako ndiya kuzenza zibe lubedu; wauya kutyumza izizwe ezininzi; inzuzo yazo ndoyahlukanisele kuyehova, nobutyebi bazo kwinkosi yomhlaba wonke.
Currently Selected:
U‐Mika 4: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: