U‐Mika 6
6
1YIVANI ke oko akutshoyo uyehova: Suka, upike ebusweni bentaba, nenduli mazilive ilizwi lako. 2Yivani, zintaba! ipike likayehova, nani misekelo yomhlaba emiyo futi! ngokuba uyehova enepike nabantu bake, uya kupikisana no‐Sirayeli.
3Bantu bam! ndenze nto nina kuni? ndinidinisile nganto nina? ndinqi̔neleni. 4Ngokuba ndaninyusa elizweni le‐Jipete, ndanikulula endlwini yobukoboka; kanjalo ndatuma pambi kwenu u‐Mosesi, no‐Arone, no‐Miriyame. 5Bantu bam! kumbulani ke oko wakucebayo u‐Balaki ukumkani wama‐Mowabi, noko wampendulayo ngako u‐Bilame unyana ka‐Behori, noko kwehlayo e‐Shitime kude kwase‐Gilegale, ukuze nizazi izenzo ezilungileyo zikayehova.
6Ndiya kuza pambi kwoyehova nganto nina? ndiya kuzitoba kutixo opezulu nganto nina? ndiya kuza pambi kwake ngamadini okutshiswa na? ndiya kuza ngamatole omnyaka mnye na? 7Wokoliswa uyehova ngamawaka enkunzi zegusha na? ngamawaka alishumi emilambo yeoli na? ndiya kunika owamazibulo wam na ngenxa yesigqito sam? isixakato sombilini wam na ngenxa yesono sompefumlo wam? 8Ukuxelele, mntundini! into kuyiyo okulungileyo: kekaloku uyehova uyafuna nto nina kuwe, kupela ukwenza okufanelekileyo, nokutanda ububele, nokuhamba notixo wako ngokululamileyo?
9Ilizwi likayehova liyabiza esixekweni: (olumkileyo wobeka igama lako:) Yivani intonga, nalowo oyimiseleyo. 10Kuseko na endlwini yokohlakeleyo indyebo zenkohlakalo, neyefa elula, ezondekileyo? 11Bendiya kuba msulwa na, ndinezilinganiselo ezikohlakeleyo, ndinenxowa yamatye okulinganisa enkohliso? 12Ngokuba izityebi zaso zizele bubudlwengu, nabemi baso batetile ubuxoki, nolwimi lwabo bubukohliso emlonyeni wabo. 13Ngako kanjalo ndiya kukwenza usifa ngokukubeta, ngokukuci̔takalisa ngenxa yezono zako. 14Wena ungatya, kodwa akuyi kuhlutiswa, wauya kubohla pakati kwako; kanjako ungafudusa, kodwa akuyi kusindisa, noko ukusindisayo ndokunikela esiṙeleni. 15Wena ungahlwayela, kodwa akuyi kuvuna; ungaxovula amanquma, kodwa akuyi kuzitambisa ngeoli; nedreyive zeveyine entsha, kodwa akuyi kusela iveyine. 16Ngokuba kugciniwe imimiso ka‐Omri, nako konke ukwenza kwendlu ka‐Ahabi; ewe, niyahamba emaqingeni abo: ukuze ndikwenze into yokutelwa nqa, nabemi baso into yokwenzelwa amakwelo; ngako oko niya kutwala ugxekwa lwabantu bam.
Currently Selected:
U‐Mika 6: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: