Ivangeli ka‐Maraki 1
1
ISAHLUKO I.
1UKUQALA kwevangeli ka‐Yesu Kristu, unyana katixo; 2njengokuba kuba̔liwe ebaprofiteni ngokuti: Bona ke, ndiyatuma isitunywa sam pambi kwobuso bako, esiya kulungisa indlela yako pambi kwako: 3nangokuti: Ilizwi lodandulukayo entlango: Lungisani indlela kayehova; yenzani imendo yake ilungelelane. 4Weza u‐Johane ebapitizesha entlango, eshumayela ubapitizesho lwoguquko kube kukuxolelwa kwezono. 5Laza lapumela kuye lonke ilizwe le‐Judeya, nabase‐Yerusaleme; bati bonke babapitizeshwa nguye emlanjeni we‐Yoredane, bevuma izono zabo.
6Waye kekaloku u‐Johane wambete uboya benkamela, nombinqo wolusu esinqeni sake; watya inkumbi nobusi basendle. 7Washumayela ke, esiti: Uyeza onamandla amakulu kwawam emva kwam, endingafanelekile ukuba nditobe pantsi ndiwutukulule umtya wezihlangu zake. 8Mna okunene ndinibapitizeshile ngamanzi; kodwa yena wonibapitizesha ngomoya oyingcwele.
9Kwaye kute kuleyomihla, wavela u‐Yesu e‐Nazarete yase‐Galili, wabapitizeshwa ngu‐Johane e‐Yoredane apo. 10Waza wati esel’ enyuka emanzini, wabona izulu licandekile, nomoya njengehobe esihla pezu kwake. 11Kanjalo leza ilizwi livela ezulwini, lisiti: Wena ungunyana wam otandiweyo, endikolisiweyo kakuhle nguye.
12Waselesiti umoya wamqu̔bela entlango. 13Waza wakona entlango apo intsuku zamashumi mane, elingwa ngu‐Satane; wayendawonye namaṙamncwa ke; zaza ingelosi zamkonza.
14KEKALOKU emveni kwokunikelwa kuka‐Johane entolongweni, weza u‐Yesu e‐Galili, eshumayela ivangeli yobukumkani bukatixo, 15esiti nokuti: Ixesha lizalisekile; buse bukufupi ubukumkani bukatixo: guqukani, nikolwe evangelini.
16Wati kekaloku ehamba ngaselwandle lwase‐Galili, wabona u‐Simone, no‐Andreya umninawe wake, beposa utambo elwandle: ngokuba bebengabalobi bentlanzi. 17Waza wati kubo u‐Yesu: Yizani emva kwam, ndandiya kunenza nibe ngabalobi babantu. 18Basebesuka bazishiya intambo zabo, bamlandela. 19Kanjalo egqitile apo umganyana, wabona u‐Yakobi unyana ka‐Zebedi, no‐Johane umninawe wake, besenqanaweni bona nabo belungisa intambo. 20Wasuka wababiza ke: baza bashiya uyise wabo u‐Zebedi enqanaweni enabaqashwa, bemka baya emva kwake.
21Baya bangena e‐Kapenayume: waza wati ngemini yesabata waselengena endlwini yentlanganiso wafundisa. 22Baye bemangaliswa ke pezu kwesifundiso sake; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, bekungenjengababa̔li. 23Kwaye kuko endlwini yentlanganiso yabo umntu enomoya onco̔lileyo; waza wadanduluka, 24esiti: Yeka! siyinto nina kuwe, Yesu wase‐Nazarete? uze kusitshabalalisa na? ndiyakwazi wena ungubanina, ungoyingcwele katixo. 25Waza u‐Yesu wamtetisa, esiti: Yiti cwaka, upume kuye. 26Waza umoya onco̔lileyo wamṙuzula, wadanduluka ngelizwi elikulu, wapuma kuye. 27Bati nqa ke bonke, bada babuzisana omnye nomnye, besiti: Yinto nina le? lolwanina ufundiso olutsha olu, ukuba nomoya abanco̔lileyo ebayalela ngegunya, bamve ke? 28Lwaselusuka lwapuma udumo lwake lwaya kulo lonke ilizwe langase‐Galili.
29Baza bati kwa oko, bakuba bepumile endlwini yentlanganiso, bangena endlwini ka‐Simone no‐Andreya, kunye no‐Yakobi no‐Johane. 30Kekaloku umkwekazi ka‐Simone ebelele, esifa licesine; baza basebemxelela ngaye. 31Wayesiza wabamba isandla sake, wamsukisa; lamyeka icesine kwa oko, wabakonza ke.
32Kwati kwakuhlwa, lakutshona ilanga, bazisa kuye bonke abafayo nabangenelwa zidemoni. 33Saye isixeko sonke sibe sibutelene ngasemnyango. 34Waza wabapilisa abaninzi ababesifa zizifo ngezifo; nedemoni ezininzi waziku̔pa, engazivumeli ke ukuba zitete idemoni, ngokuba zibe zimazi yena.
35Waza wati kwakuza kusa, wavuka kusesebusuku kanye, wapuma, wemka waya endaweni elubala, watandaza kona apo. 36Baza bamputuma u‐Simone nabo babenaye. 37Bemfumene ke, bati kuye: Bonke bayakufuna. 38Wayesiti kubo: Masihambe siye ezinqilini ezikufupi, ndize ndishumayele nakona; ngokuba ndivelele oku. 39Waza washumayela ezindlwini zentlanganiso zabo kuyo yonke i‐Galili, waku̔pa nedemoni.
40Kwati kekaloku kweza kuye ileperi, limbongoza liguqa pantsi kuye, lisiti nokuti kuye: Ukuba uyatanda, ungandihlambulula. 41Waza u‐Yesu wabetwa lusizi, wasolula isandla, walicu̔kumisa, wati kulo: Ndiyatanda; hlambuluka. 42Sati nxa abesitsho semka kulo kwa oko isilepero salo, lahlambuluka ke. 43Waza eliyalile kakulu nje waselelindulula, 44wati kulo: Lumka ungaxeleli mntu into; kodwa hamba, zibonakalise kumperisite, unikele ngenxa yokuhlanjululwa kwako izinto wabeyalela zona u‐Mosesi, zibe sisinqi̔no kubo. 45Lati kodwa lakupuma, laqala ukushumayela kakulu, nokuvakalisa londawo, wada u‐Yesu wayengasenako ukuba angangena esixekweni ekuhleni; koko wayengasendle ezindaweni ezilubala, bati abantu beza kuye bevela emacaleni onke.
Currently Selected:
Ivangeli ka‐Maraki 1: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: