Imibalo 19
19
1WABUYA wateta uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone, esiti: 2Nguwo lo ummiselo womteto awuyaleleyo uyehova, esiti: Teta elusatsheni luka‐Sirayeli, ukuba luzise kuwe itokazi elibomvukazi elimsulwa, ekungeko kulo isonakalo, nekunganyukanga pezu kwalo iyokwe. 3Naniya kulinika ku‐Elezari umperisite, oya kupuma nalo ngapandle kwomnquba, lize lixe̔lwe apo ebusweni bake. 4Woti u‐Elezari, umperisite, acapule egazini lalo ngomnwe wake, asasaze nqwa pambi kwentente yentlangano kwigazi lalo amaxesha abe sixe̔nxe. 5Kwandule kutshiswe itokazi elo emehlweni ake; isikumba salo, nenyama yalo, negazi lalo, kunye nomswane walo, ziya kutshiswa. 6Waye umperisite eya kutabata umti wesedare, nehisope, nesibomvu, azipose pakati kwokutsha kwetokazi elo. 7Andule umperisite ahlanze izivato zake, ahlambe inyama yake ngamanzi, abuye angene emnqubeni; ati umperisite abe enco̔lile kude kuhlwe. 8Nalowo ulitshisileyo makazihlanze izivato zake ngamanzi, ayihlambe inyama yake ngamanzi, abe enco̔lile kude kuhlwe. 9Kanjalo umntu ococekileyo wobuta ututu lwetokazi elo, alubeke pantsi ngapandle kwomnquba endaweni emhlope, oluya kugcinelwa intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, lube lolwamanzi okuhlanzekisa: sisihlambululo ngenxa yesono. 10Woti lowo ulubutayo ututu lwetokazi elo, ahlanze izivato zake, abe enco̔lile kude kuhlwe. Oku kwoba ngummiselwa ongunapakade elusatsheni luka‐Sirayeli, nakowasemzini opambukeleyo pakati kwalo.
11Lowo ucukumisayo ofileyo, omnye umzimba ofileyo womntu, woba enco̔lile imihla isixe̔nxe. 12Uya kuzihlambulula ngawo ngowesitatu umhla, ati ngowesixe̔nxe umhla abe ecokisekile; kodwa ukuba akazihlambululi ngomhla wesitatu, akayi kuba ecokisekile ngomhla wesixe̔nxe. 13Osukuba ecukumisa ofileyo, umzimba ofileyo womntu osel’ efile, kanti akazihlambululi, uyanco̔lisa itabanakele kayehova; ngako lowampefumlo wonqanyulwa kwa‐Sirayeli: ngokokuba amanzi okuhlanzekisa ebengatshizwanga pezu kwake, woba enco̔lile; ukunco̔la kwake kuseko kuye. 14Nangu umteto, xeshekweni umntu aya kububa ententeni: bonke abangenayo kulontente, nabo bonke abapakati kwalontente, boba benco̔lile imihla isixe̔nxe. 15Nazo zonke izitya ezivulekileyo, ekungeko siciko sibotshiwe pezu kwazo, zinco̔lile zona. 16Nosukuba ecukumisa ohlatyiweyo ngesiṙele ezindle, umhlaumbi ofeleyo kona, umhlaumbi itambo lomntu, umhlaumbi incw̔aba, yena woba enco̔lile imihla isixe̔nxe.
17Kwaye kuya kumcatshulelwa lowo unco̔lileyo elutulini lwokutsha kwesihlambululo ngenxa yesono, kwandul’ ukubekwa pezu kwalo amanzi elayo esityeni: 18woti umntu ococekileyo atabate ihisope, ayifake emanzini lawo, ati fefe pezu kwentente, napezu kwazo zonke izitya, napezu kwabantu ababeko kona, napezu kwobecukumisa itambo, umhlaumbi obehlatyiwe, umhlaumbi obefile, umhlaumbi incw̔aba. 19Kanjalo lowo ucocekileyo uya kuti fefe pezu kwonco̔lileyo ngomhla wesitatu, nangomhla wesixe̔nxe; waye ngowesixe̔nxe umhla eya kumhlambulula; woda ahlanze izivato zake, ahlambe emanzini, abe ecokisekile ngokuhlwa. 20Kodwa umntu oya kuba enco̔lile, kanti akayi kuzihlambulula, umpefumlo lowo wonqanyulwa pakati kwomhlambi: ngokuba eyinco̔lisile eyingcwele indawo kayehova; amanzi okuhlanzekisa akatshizwanga pezu kwake, unco̔lile yena. 21Kwoba ngummiselwa ongunapakade kubo, okokuba lowo otshizayo amanzi okuhlanzekisa uya kuhlanza izivato zake, nokuba lowo ocukumisayo amanzi okuhlanzekisa woba enco̔lile kude kuhlwe. 22Konke kusukuba onco̔lileyo ekucukumisa, kwoba kunco̔lile; kanjalo umntu okucukumisayo woba enco̔lile kude kuhlwe.
Currently Selected:
Imibalo 19: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: