Imibalo 3
3
1KANJALO ezi zizizizukulwana zika‐Arone no‐Mosesi, mhlana wabeteta uehova ku‐Mosesi entabeni ye‐Sinai. 2Ngawo la amagama abo onyana baka‐Arone: owamazibulo u‐Nadabi, no‐Abihu, no‐Elezari, no‐Yitamare. 3Ngawo la amagama onyana baka‐Arone, abaperisite ababetanjiswe, abazandla bezizalisiwe ukukonza ngobuperisite. 4Kodwa u‐Nadabi no‐Abihu bafa ebusweni bukayehova, bakunikela umlilo wasemzini pambi kwoyehova, entlango ye‐Sinai, bengenabo abantwana; kanti u‐Elezari no‐Yitamare bakonza ngobuperisite ebusweni buka‐Arone uyise wabo.
5Waye uyehova wateta ku‐Mosesi, esiti: 6Sondeza isizwe sika‐Levi, usimise pambi kwo‐Arone umperisite, ukuba bakonze kuye; 7nokuba bagcine isigcinelo sake, nesigcinelo sayo yonke intlanganiso, pambi kwentente yentlangano, baze bayenze inkonzo yetabanakele; 8nokuba bagcine zonke impahla zentente yentlangano, nesigcinelo sosapo luka‐Sirayeli, baze bayenze inkonzo yetabanakele. 9Wauya kunika aba‐Levi ku‐Arone nakonyana bake; bayanikwa, bayanikwa bona kuye bevela elusatsheni luka‐Sirayeli. 10Kodwa u‐Arone nonyana bake uya kubamisela ukuba bagcine ubuperisite babo; nowasemzini osondelayo yena uya kufiswa.
11Waye uyehova wateta ku‐Mosesi, esiti: 12Mna, bona ke, ndibatabatile aba‐Levi kwa pakati kwosapo luka‐Sirayeli, esikundleni sawo onke amazibulo ekuzityulwa ngawo pakati kwosapo luka‐Sirayeli; ngako aba‐Levi boba ngabam: 13ngokuba onke amazibulo engawam: umhla ndandibeta onke amazibulo ezweni le‐Jipete ngawo, ndawangcwalisa kum onke amazibulo kwa‐Sirayeli, awabantu nawezilo; oba ngawam: mna ndi nguyehova.
14Waye uyehova wateta ku‐Mosesi entlango ye‐Sinai, esiti: 15Bala onyana baka‐Levi ngendlu zoyise zabo, ngezizalwane zabo; onke amadoda abudala buyinyanga nye nobupezulu uya kubala wona. 16Waza u‐Mosesi wababala ngelizwi likayehova, njengokuyalelwa kwake. 17Aba ke bebengonyana baka‐Levi ngamagama abo: u‐Gereshone, no‐Kohati, no‐Merari. 18Ngawo la namagama abo onyana baka‐Gereshone, ngezizalwane zabo; u‐Libeni no‐Shimehi. 19Nonyana baka‐Kohati, ngezizalwane zabo; u‐Hamerame no‐Yitsare, u‐Hebrone no‐Huziyeli. 20Nonyana baka‐Merari, ngezizalwane zabo; u‐Mahali no‐Mushi. Zizo ezi izizalwane zaba‐Levi, ngendlu zoyise zabo.
21Ku‐Gereshone kwavela isizalwane sama‐Libeni, nesizalwane sama‐Shimehi: zizo ezi izizalwane zama‐Gereshone. 22Ababalweyo bawo, ngombalo wawo onke amadoda abudala buyinyanga nye nobupezulu, ababalweyo bawo bebengamawaka asixe̔nxe anamakulu mahlanu. 23Izizalwane zama‐Gereshone ziya kuti waca ngasemva kwetabanakele, ngasentshonalanga. 24Inkosi yayo indlu yoyise wama‐Gereshone yoba ngu‐Eliyasafa, unyana ka‐Layeli. 25Nesigcinelo sonyana baka‐Gereshone ententeni yentlangano, yitabanakele, nentente, nesigubungelo sayo, nelengalenga lalo ucango lwentente yentlangano, 26namalengalenga ebala, nelengalenga locango lwebala, elingakuyo itabanakele, nangakuso isibingelo ngento engqongayo; kwa nentambo zalo ngenxa yayo yonke inkonzo yalo.
27Naku‐Kohati kwavela isizalwane sama‐Hamerame, nesizalwane sama‐Yitsare, nesizalwane sama‐Hebrone, nesizalwane sama‐Huziyeli: zizo ezi izizalwane zama‐Kohati. 28Ngombalo wawo onke amadoda abudala buyinyanga nye nobupezulu, ebengamawaka asibozo anamakulu matandatu, egcina isigcinelo seyingcwele indawo. 29Izizalwane zonyana baka‐Kohati ziya kuti waca ecaleni letabanakele, ngasesuyide. 30Inkosi yayo indlu yoyise wezizalwane zama‐Kohati yoba ngu‐Elitsafane, unyana ka‐Huziyeli. 31Nesigcinelo sawo, yityeya, netafile, nekandelare, nezibingelo, nempahla zeyingcwele indawo akonzayo ngazo, nelengalenga, nako konke okwenkonzo yayo. 32Nenkosi yenkosi zaba‐Levi yoba ngu‐Elezari, unyana ka‐Arone umperisite, oya kuba ngumongama pezu kwabagcinayo isigcinelo seyingcwele indawo.
33Ku‐Merari kwavela isizalwane sama‐Mahali, nesizalwane sama‐Mushi: zizo ezi izizalwane zama‐Merari. 34Nababalweyo bawo, ngombalo wawo onke amadoda abudala buyinyanga nye nobupezulu, bebengamawaka matandatu anamakulu mabini. 35Inkosi yayo indlu yoyise wezizalwane zika‐Merari yoba ngu‐Tsuriyeli, unyana ka‐Abihayili: aba baya kuti waca ecaleni letabanakele, ngasenode. 36Nomsebenzi wesigcinelo sabo onyana baka‐Merari, ziplanke zetabanakele, nemivalo yayo, nentsika zayo, neziseko zayo, nazo zonke impahla zayo, nako konke okwenkonzo yayo, 37nentsika zebala ezilingqongayo, neziseko zazo, nezikonkwane zazo, nentambo zazo.
38Kanjalo abo abaya kuti waca pambi kwetabanakele ngasempumalanga, pambi kwentente yentlangano, ngasekupumeni kwelanga, ngu‐Mosesi, no‐Arone, nonyana bake, begcina isigcinelo seyingcwele indawo, ngenxa yesigcinelo salo usapo luka‐Sirayeli; nowasemzini osondelayo yena nya kufiswa.
39Bonke ababalweyo babo aba‐Levi, abo bababalayo u‐Mosesi no‐Arone ngelizwi likayehova, ngezizalwane zabo, onke amadoda abudala buyinyanga nye nobupezulu, bebengamawaka angamashumi mabini enesibini.
40Waza uyehova wati ku‐Mosesi: Bala onke amazibulo engamadoda pakati kwosapo luka‐Sirayeli, abudala buyinyanga nye nobupezulu, ulibale inani lamagama awo. 41Wauya kunditabatela mna Yehova aba‐Levi, esikundleni sawo onke amazibulo pakati kwosapo luka‐Sirayeli; kwa nenkomo zaba‐Levi, esikundleni sawo onke amazibulo pakati kwenkomo zosapo luka‐Sirayeli. 42Wayebala u‐Mosesi, njengokuba uyehova ebemyalele, onke amazibulo pakati kwosapo luka‐Sirayeli. 43Onke amazibulo engamadoda, ngombalo wamagama, abudala buyinyanga nye nobupezulu, abalweyo awo, ebengamawaka angamashumi mabini enesibini anamakulu mabini anamashumi asixe̔nxe enesitatu.
44Waza wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 45Tabata aba‐Levi esikundleni sawo onke amazibulo pakati kwosapo luka‐Sirayeli, nenkomo zaba‐Levi esikundleni senkomo zalo; ngokuba aba‐Levi beya kuba ngabam: mna ndi nguyehova. 46Nalawomakulu mabini anamashumi asixe̔nxe enesitatu aya kukululwa, agqitayo pezu kwaba‐Levi, kuwo amazibulo osapo luka‐Sirayeli; 47uya kutabatela wona amanye ngamanye ishekele zibe ntlanu; ezingangayo ishekele yeyingcwele indawo wozitabata; zigera ezimashumi mabini ishekele leyo. 48Wauya kunika leyomali ku‐Arone nakonyana bake, ibe yeyokukululwa kwagqitayo pakati kwawo. 49Waye u‐Mosesi watabata imali yokukululwa kwawo agqitayo pezu kwakululwayo ngaba‐Levi: 50kwa kuwo amazibulo osapo luka‐Sirayeli wayitabata imali leyo; iliwaka elinamakulu matatu anamashumi matandatu anesihlanu leshekele, ngeshekele yeyingcwele indawo. 51Waza u‐Mosesi wayinika imali yawo akululweyo ku‐Arone nakonyana bake, ngelizwi likayehova, njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
Currently Selected:
Imibalo 3: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: