Imizekeliso 10

10
1IMIZEKELISO ka‐Solomone.
Unyana olumkileyo uyavuyisa uyise; kodwa unyana osidenge ulusizi kuye unina.
2Indyebo zenkohlakalo azincedi luto; kodwa ubulungisa buyasindisa ekufeni.
3 Uyehova akayi kuvumela umpefumlo wolungileyo ulambe; kodwa unqwenelo lwabakohlakeleyo wolutya̔la.
4Woda abe lihlwempu osebenzayo ngesandla esinqenayo; kodwa isandla sokuteleyo siyatyebisa.
5Obutayo ehlotyeni, ungunyana olumkileyo; olala butongo ekwindla, ungunyana ohlazisayo.
6Amatamsanqa apezu kwentloko yolungileyo; kodwa umlomo wabakohlakeleyo uyafihla ubudlwengu.
7Inkunjulwa yolungileyo yoba netamsanqa; kodwa igama labakohlakeleyo lobola.
8Ontliziyo ilumkile, uya kwamkela imiyalelo; kodwa ohilizayo ngomlomo, uya kuwiswa pantsi.
9Ohambayo ngenene, uyahamba ngokugcineka; kodwa ozenza gwenxa indlela zake, uya kwaziwa.
10Opanyazayo ngeliso, wonika ubuhlungu; nohilizayo ngomlomo, uya kuwiswa pantsi.
11Umlomo wolungileyo ngumtombo wobomi; kodwa umlomo wabakohlakeleyo uyafihla ubudlwengu.
12Utiyo luyavusa amapike; kodwa utando luyagubungela izigqito zonke.
13Emlonyeni wonokuqonda bufunyanwa ubulumko; kodwa uswazi lulungele umhlana woswele ingqondo.
14Abalumkileyo bayabekela ukwazi; kodwa umlomo wehilihili uyintshabalaliso ekufupi.
15Imfuyo yesityebi isisixeko esinamandla saso; intshabalaliso yamahlwempu bubuhlwempu bawo.
16Umsebenzi wolungileyo ubang’ ubomi; inzuzo yokohlakeleyo ibang’ isono.
17Usendleleni yobomi ogcina imfundiso; kodwa oshiyayo ukwohlwaywa uyaposisa.
18Ofihlayo utiyo, unomlomo wobuxoki; nopumisayo intlebo, yena usisidenge.
19Ebuninzini bamazwi akusweleki isigqito; kodwa obamba umlomo wake ulumkile.
20Ulwimi lwolungileyo lunjengesilivere edlulisileyo; intliziyo yabakohlakeleyo yinto encinanana.
21Umlomo wolungileyo uyondla abaninzi; kodwa amahilihili ayabuba ngokuswela ingqondo.
22Itamsanqa likayehova, lilo elityebisayo; akongezi ubuhlungu kulo.
23Kunjengokufeketa kwisidenge ukwenza ubumenemene; kodwa umntu wokuqonda unobulumko.
24Isoyiko sokohlakeleyo, sona siyakumfikela; kodwa inkanuko yabalungileyo iya kupiwa.
25Njengokugqita kwesaqwiti, kunjalo ukungabiko kwokohlakeleyo; kodwa olungileyo usisisekelo esingunapakade.
26Njengeyasine kuwo amazinyo, nanjengomsi kuwo amehlo, linjalo ivila kubo abalitumayo.
27Ukwoyika uyehova kuyandisa imihla: kodwa iminyaka yabakohlakeleyo iya kuncitshiswa.
28Itemba labalungileyo liluvuyo; kodwa isikangelo sabakohlakeleyo siya kububa.
29Yinqaba koyinene indlela kayehova; kodwa yintshabalaliso kwabenzi benkohlakalo.
30Olungileyo akasayi kuza ashukunyiswe; kodwa abakohlakeleyo abayi kuma umhlaba.
31Umlomo wolungileyo uvelisa ubulumko; kodwa ulwimi lwobumenemene lwonqanyulwa.
32Umlomo wolungileyo uyakwazi okukolekileyo: kodwa umlomo wabakohlakeleyo unobumenemene.

Currently Selected:

Imizekeliso 10: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena