Imizekeliso 15
15
1IMPENDULO etambileyo iyanqanda umsindo; kodwa ilizwi elidubulayo liyavusa uqumbo.
2Ulwimi lwamalumko luyalungisa ukwazi; kodwa umlomo wamahilihili uyabodla ubudenge.
3Amehlo kayehova akuzo zonke indawo, ekangela abakohlakeleyo nabalungileyo.
4Ukululama kwolwimi kungumti wobomi; kodwa inkani ngalo iyenza ukwapuka emoyeni.
5Ihilihili liyadela imfundiso kayise; kodwa ogqalayo ukwohlwaywa uyenza ngokutelekelela.
6Endlwini yolungileyo kuko ubutyebi obuninzi; kodwa enzuzweni yokohlakeleyo kuko inkatazo.
7Umlomo wamalumko uyapangalalisa ukwazi; kodwa intliziyo yezidenge ayinjalo.
8Idini labakohlakeleyo liyintshontsho kuyehova; kodwa umtandazo wabalungileyo uyimvuyiso kuye.
9Yintshontsho kuyehova indlela yokohlakeleyo; kodwa uyamtanda lowo uputumayo ubulungisa.
10Ululeko olubi lwoba kuye oshiyayo indlela; lowo utiyayo ukwohlwayiwa uya kufa.
11Ihadesi nentshabalalelo zipambi kwake uyehova; kangakananina ngakumbi ke intliziyo zosapo lwabantu?
12Umgxeki akayi kumtanda lowo umohlwayayo; akayi kuya kwabalumkileyo.
13Intliziyo evuyayo iyacwayitisa ubuso; kodwa ngobuhlungu bentliziyo umoya ukedamile.
14Intliziyo eqondayo iyafuna ukwazi: kodwa umlomo wamahilihili uyakoliswa bubudenge.
15Yonke imihla yobandezelweyo mibi; kodwa intliziyo ecwayitileyo ingumtendeleko ofuti.
16Intwana encinane, kunye nokwoyika uyehova, ilungile pezu kwendyebo ezininzi, nempitimpiti kunye nazo.
17Isidlo samahlamvu, apo utando lukoyo, silungile pezu kwenkabi etyetyisiweyo, nxa utiyo lukona.
18Umntu onomsindo uyavusa ipike: kodwa lowo uqumba kade uyadambisa impikiswano.
19Indlela yevila injengotango lweminga: kodwa umendo wabalungileyo yindlela epakanyisiweyo.
20Unyana olumkileyo uyavuyisa uyise; kodwa umntu osidenge uyadela unina.
21Ubugeza buluvuyo kulowo oswele ingqiqo; kodwa umntu onokuqonda uyalungisa ukuhamba.
22Amaqinga ayatshabalala nxa ingeko ingcebisano; kodwa ngobuninzi babacebisi aya kuma.
23Kuko uvuyo emntwini ngempendulo yomlomo wake: nelizwi elitetwa ngexesha lalo, linjanina ukuba mnandi!
24Indlela yobomi kuye olumkileyo isinga pezulu, ukuze apambuke kuso isihogo esipantsi.
25Indlu yabar̔atshileyo uyehova woyicita; kodwa umlimandlela womhlolokazi wowuqinisa.
26Ayintshontsho kuyehova amaqinga okohlakeleyo; kodwa amazwi abacocekileyo ngamazwi amnandi.
27Obawela inzuzo ekohlakeleyo uyakataza indlu yake; kodwa otiyayo amabaso uya kupila.
28Intliziyo yolungileyo iyacingela ukupendula; kodwa umlomo wabakohlakeleyo uyabodla izinto ezimbi.
29 Uyehova ukude kubo abakohlakeleyo; kodwa umtandazo wabalungileyo uyawuva.
30Ukukanya kwamehlo kuyavuyisa intliziyo; indaba ezilungileyo ziyatyebisa amatambo.
31Indlebe evayo ukwohlwayelwa ubomi, yohlala pakati kwabalumkileyo.
32Owalayo imfundiso, uyadela owake umpefumlo; kodwa ovayo ukwohlwayiwa, uyazuza ingqondo.
33Ukwoyika uyehova kuyimfundiso yobulumko; kanjalo ululamo luyandulela udumo.
Currently Selected:
Imizekeliso 15: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: