Imizekeliso 18
18
1OZAHLULAYO wofuna okukanukwayo; woba shushu ngakubo bonke ubulumko.
2Isidenge asinyamekeli ukuqonda, sinyamekela ukuzityila kwentliziyo yaso kodwa.
3Kuti kwakufika okohlakeleyo, kufike nokudela; nakunye nehlazo kufika ukutuka.
4Amazwi omlomo womntu ngamanzi anzulu; umtombo wobulumko ngumlanjana oncencezayo.
5Akulungile ukubuka ubuso bokohlakeleyo, nokusonga olungileyo ekugwebeni.
6Ukuteta kwesidenge kuyangena ekupikiswaneni, nomlomo wake uyabiza izibeto.
7Umlomo wesidenge uyintshabalaliso kuso, nokuteta kwaso kungumgibe wompefumlo waso.
8Amazwi omncetezi anjengamanxeba; ayehlela kwezipakati indawo zombilini wona.
9Kanjalo onqenayo emsebenzini wake, ungumzalwana yena kumciti omkulu.
10Igama likayehova liyinqaba yamandla; olungileyo uyabalekela kuyo, anqabe ke.
11Imfuyo yesityebi isisixeko esinamandla saso; injengodonga olude ekuzindleni kwaso.
12Ingekabiko imbujiswa, intliziyo yomntu inokuqanqalaza; kanjalo, lungekabiko udumo, luko ululamo.
13Onika impendulo ngendawo engekayivanga, oko kububudenge kuye nehlazo.
14Umoya womntu ungaxasa ubulwelwe bake; kodwa umoya okedamileyo ngubanina ongawunyamezelayo?
15Intliziyo yoqondayo iyaqweba ukwazi; nendlebe yabalumkileyo iyafuna ukwazi.
16Ibaso lomntu liyamenzela indawo; liyamkapela ebusweni babakulu.
17Oteta kuqala kwelake ityala unga ulungile; kanti kufika ummelwane wake, amṙoṙonye.
18Iqashiso liyapelisa amapike, lahlule pakati kwabanamandla.
19Umzalwana owoniweyo ugqitisele isixeko esinamandla ngokungeyiswa; amapike anjalo anjengomvalo wenqaba.
20Ngesixakato somlomo womntu, uya kuhlutiswa umbilini wake; ngenzuzo yomlomo wake uya kuhlutiswa.
21Ukufa nokudliwa kwobomi kusemandleni alo ulwimi; nabo balutandayo, baya kudla isixakato salo.
22Ofumene umfazi, ufumene into elungileyo; uzuzile imbuko kuyehova.
23Ihlwempu liyateta imbongozo; kodwa isityebi siyapendula ngobulukuni.
24Umntu onezihlobo ezininzi wozifaka engozini; kodwa kuko umhlobo ogqitisele umzalwana ngokunamatela.
Currently Selected:
Imizekeliso 18: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: