Imizekeliso 2
2
1NYANA wam! ukuba uya kwamkela iziteto zam, uyibekele kuwe nemiyalelo yam; 2ukuze unikele indlebe yako ebulumkweni, utobele intliziyo yako ekuqondeni; 3ewe, ukuba uya kubiza ingqondo, upakamisele ilizwi lako ingqiqo; 4ukuba uya kubufuna njengesilivere, ubupengulule njengendyebo eziselelweyo; 5uya kwandul’ ukuqonda ukwoyikwa kukayehova, ufumane ukwaziwa kukatixo. 6Ngokuba uyehova esipa ubulumko; ukwazi nokuqonda kuvela emlonyeni wake. 7Uyabekelela abalungileyo usizo; ulikaka kwabalungisa ukuhamba kwabo: 8aze alinde indlela zobugwebo, agcine umendo wabangcwele bake. 9Uya kwandul’ ukuqonda ubulungisa, nobugwebo, nolungelelwano, — yonke imikwa elungileyo.
10Okuya ubulumko buya kungena entliziyweni yako, nokwazi kuya kuba mnandi empefumlweni wako; 11intelekeleliso yokugcina, ingqiqo yokulinda: 12ukuba usindiswe endleleni yokohlakeleyo, nasemntwini oteta izinto zobumenemene; 13abashiya indlela zokulunga, ukuze bahambe ezindleleni zobumnyama; 14abavuyela ukwenza inkohlakalo; abagcoba ngobumenemene bokohlakeleyo; 15abandlela zigwenxa, benokanda emikweni yabo: 16ukuba usindiswe kuye umfazi wasemzini, kulowo ungaziwayo, ozenza butelezi iziteto zake; 17oshiyayo umhlobo wobutsha bake, alibale ucebano lwotixo wake. 18Ngokuba indlu yake itshonela ekufeni, nendlela zake kubafileyo. 19Bonke abangenayo kuye abayi kubuya; abayi kufumana indlela zobomi kanjako. 20Ukuze uhambe endleleni yabalungileyo, nendlela zabalungisayo uzigcine. 21Ngokuba abayinene beya kuma umhlaba, nabafezekileyo beya kusala kuwo. 22Kodwa abakohlakeleyo baya kunqanyulwa emhlabeni, nabenzayo ngobuxoki baya kudonyulwa kuwo.
Currently Selected:
Imizekeliso 2: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: