Imizekeliso 21
21
1INTLIZIYO yokumkani isesandleni sikayehova njengayo imijelo yamanzi; uyayitobela ngakuko konke akutandayo.
2Yonke imikwa yomntu ifanele kwawake amehlo; kodwa uyehova uyazilinganisa intliziyo.
3Ukwenza ubulungisa nobugwebo, kuqasheka kuyehova pezu kwedini.
4Ukupakama kwamehlo, nokukukumala kwentliziyo, nokukanya kwabakohlakeleyo, kusisono.
5Amaqinga okuteleyo ayayelela ekwandeni kodwa; kanti awabo bonke abanxamileyo, ekusweleni kodwa.
6Ukuzuzwa kwendyebo ngolwimi lwobuxoki, kunjengomoya opepukileyo wabo bafuna ukufa.
7Ukubada kwabakohlakeleyo kwobakukulisa; ngokuba bemangala ukwenza ubugwebo.
8Ondlela ijikajikayo, ungumntu onetyala; kodwa oyingcwele, umsebenzi wake ufanelekile.
9Kulungile ukuhlala egumbini pezu kwendlu, ngasekubeni kuhlalwe nomfazi wamapike nasendlwini yobudlelana.
10Umpefumlo wokohlakeleyo uyakanuka ububi; umhlobo wake akafumani ufefe emehlweni ake.
11Ngokwohlwayiwa kwomgxeki, solumka isidenge; nangokufundiswa kwelumko, liya kwamkela ukwazi.
12Olungileyo uyanakana indlu yokohlakeleyo; uyabeyelisela abakohlakeleyo ebubini.
13Oti vingci indlebe yake ekukaleni kwehlwempu, kwa yena uya kubiza, angaviwa ke.
14Isipo emfihlekweni siyadambisa uqumbo, nebaso esifubeni umsindo onamandla.
15Kuluvuyo kolungileyo ukwenza ubugwebo; kodwa intshabalalo yoba kubo abenzi benkohlakalo.
16Umntu olahleka kuyo indlela yobutelekelelo, uya kuhlala entlanganisweni yabafileyo.
17Otandayo imihlali woba ngumntu osweleyo; otandayo iveyine neoli akayi kutyeba.
18Okohlakeleyo woba sisizi ngenxa yolungileyo, nowenza ngobuxoki endaweni yabalungisayo.
19Kulungile ukuhlala ezweni elilubala, pezu kwokokuba kuhlalwe nomfazi wamapike nomsindo.
20Kuko indyebo enqwenelekileyo neoli ekayeni lolumkileyo; kodwa umntu osidenge uyayigqiba.
21Oputumayo ubulungisa nobubele, uyafumana ubomi, nobulungisa, nodumo.
22Ilumko liyanyukela esixekweni samaṙoti, liwise pantsi amandla etemba laso.
23Ogcinayo umlomo wake nolwimi lwake, uyagcina umpefumlo wake ebunzimeni.
24Ovutelene ngokuzidla, ungumgxeki igama lake; uyenza ngokukukumala kwer̔atshi.
25Inkanuko yevila yolibulala; ngokuba izandla zalo zimangala ukusebenza.
26Imini yonke liyakanuka kakulu; kodwa olungileyo uyapa, angavimbi ke.
27Umbingelelo wabakohlakeleyo uyintshontsho; kangakananina ngakumbi ke bakuwuzisa ngeqinga elikohlakeleyo?
28Inqi̔na lobuxoki loti tshabalala; kodwa umntu ovayo, uya kuteta kadeshe.
29Umntu okohlakeleyo uyabomeleza ubuso bake; kodwa olungisayo, yena woqinisa indlela yake.
30Akuko bulumko, akuko nangqondo, akuko nacebo, eliya kuma ngakuye uyehova.
31Ihashe liyalungiselwa imini yokulwa; kodwa ulwoyiso lo lukayehova.
Currently Selected:
Imizekeliso 21: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: