Imizekeliso 26
26
1NJENGAYO ingqweqwe ehlotyeni, nanjengayo imvula ngexesha lokuvuna, kwa njalo udumo alufanelekile kwisidenge.
2Njengehobohobo ekupalapaleni, nanjengenkonjane ekubalekeni, kwa njalo isiqalekiso esingenatuba asiyi kuza kubako.
3Izwiniya ilungele ihashe, umkala ulungele iqwaṙashe, noswazi lulungele umhlana wesidenge.
4Ungapenduli isidenge njengobuhilihili baso, hleze ufane naso kwa wena. 5Pendula isidenge njengobuhilihili baso, hleze sibe nokulumka kwawaso amehlo.
6Otumayo umyalezo ngesandla sesidenge, uyazinqumla inyawo, uyasela ubudlwengu.
7Imilenze yesiqwala ibutataka; unjalo umzekeliso emlonyeni wezidenge.
8Njengobopayo ilitye elinqabileyo esisaulweni, unjalo lowo onikela isidenge udumo.
9 Njengameva enyukela esandleni senxila, unjalo umzekeliso emlonyeni wezidenge.
10Omkulu owadala konke, uyaqesha isidenge, uyaqesha nabagqiti.
11Njengokuba inja ibuyela emhlanzweni wayo, kwa njalo isidenge siyapinda ubuhilihili baso.
12Uyabona na umntu elumkile kwawake amehlo? kuko itemba ngaso isidenge pezu kwake.
13Litsho ivila ukuti: Kuko ingonyama endleleni; ingonyama isezitarateni. 14Ucango luyajinga pezu kwehinje yalo; nevila liyenje njalo pezu kwomandlalo walo. 15Ivila liyatihla isandla salo esityeni; kuyindiniso kulo ukusibuyisela emlonyeni walo. 16Kwawalo amehlo ivila ligqitisile ngobulumko abantu abasixe̔nxe abapendulayo ngengqiqo.
17Umdluli oziqumbisayo epikeni elingelelake, unjengobamba inja ngendlebe.
18Njengegeza elijulayo izikuni zomlilo, nentolo, nokufa; 19unjalo umntu okohlisa ummelwane wake, aze ati: Andidlali na?
20Apo kungeko zinkuni, umlilo uyacimeka; nalapo kungeko mncetezi, ipike liyadamba. 21Njengamalahle amnyama kuwo amalahle atshayo, nenkuni kuwo umlilo; unjalo umntu wamapike ukupemba impikiswano.
22Amazwi omncetezi anjengamanxeba; ayehlela kwezipakati indawo zombilini wona.
23Umlomo ovutayo, nentliziyo ekohlakeleyo, zinjengalo ukamba oluqatyiweyo ngamagwebu esilivere. 24Otiyayo uyazenzisa ngomlomo wake; nasembilini wake uyabeka inkohliso. 25Nxa alenza limnandi ilizwi lake, ungakolwa nguye; ngokuba intshontsho ezisixe̔nxe zisentliziyweni yake. 26Okutiya kugujungelwa yinkohliso, inkohlakalo yake iya kutyilwa entlanganisweni.
27Ombayo isihogo, uya kweyela kuso; noqengqelela ilitye, lobuyela ngakuye.
28Ulwimi lwobuxoki luyatiya abo bancinezelwayo lulo; nomlomo obutelezi uyeyelisela.
Currently Selected:
Imizekeliso 26: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: