Imizekeliso 28
28
1ABAKOHLAKELEYO bayesaba nxa kungasukelwa mntu; kodwa abalungileyo banqabile njengengonyama.
2Ngenxa yokwona kwelizwe ziba zininzi inkosi zalo; kodwa ngenxa yomntu onokuqonda nokwazi, ubume balo buya kwolulwa.
3Umntu olihlwempu obandezelayo amahlwempu, unjengemvula ekukulisayo, kude kungabiko ukudla.
4Abashiyayo umteto, bayadumisa abakohlakeleyo; kodwa abagcinayo umteto, bayamelana nabo.
5Abantu abangalungileyo abaqondi ubugwebo; kodwa abo bamfunayo uyehova bayaqonda izinto zonke.
6Ihlwempu elihambayo ngenene yalo, ligqitisele ondlela zigwenxa, noko asisityebi yena.
7Obambayo umteto, ungunyana oqondayo; kodwa odlelana nababawayo, uyahlazisa uyise.
8Oyandisa imfuyo yake ngokudla abanye nangenzuzo engalungileyo, woyihlanganisela umntu oya kukedamela amahlwempu.
9Oyinqandayo indlebe yake ukuba angeva umteto, kwa nomtandazo wake woba yintshontsho.
10Olahlekisa abalungisayo baye endleleni yobubi, uya kweyela yena kwa sesihogweni sake; kodwa abayinene bodla ilifa lokulungileyo.
11Umntu osisityebi ulumkile kwawake amehlo; kodwa ihlwempu eliqondayo liya kumpanda.
12Kuti kwakuvuyelela abalungileyo, kubeko ubungcwalisa obukulu; kodwa kwakupakama abakohlakeleyo, umntu uyafunwa.
13Ofihlayo izono zake, akayi kutamsanqeleka; kodwa ozixelayo azishiye, wofumana ububele.
14Unetamsanqa umntu omana esoyika; kodwa oyenza lukuni intliziyo yake, uya kweyela engozini.
15Umpati okohlakeleyo pezu kwabantu abangamahlwempu, uyingonyama egqumayo nebere ehambahambayo.
16Inkosi esweleyo ingqondo, ifuti ekubandezeleni kanjalo; kodwa otiyayo uqwebo olungalungileyo, uya kwolula imihla yake.
17Umntu obandezelwa ligazi lobomi, uya kubalekela esihogweni; makungabiko omtintayo.
18Ohambayo ngokulungisa, wosindiswa; kodwa ondlela zigwenxa, uya kweyela kanye.
19Olimayo umhlaba wake, wohlutiswa sisonka; kodwa olandela abantu abangendawo, wohlutiswa bubuhlwempu.
20Umntu wenyaniseko uya kwanelwa ngamatamsanqa; kodwa onxamela ukutyeba, akayi kuswela ityala.
21Ukugqalisela ubuso akulungile; ngokuba umntu owenje njalo eya kwona ngenxa yeqekeza lesonka.
22Onxamela ubutyebi ungumntu oliso likohlakeleyo; kanti akazi ukuba uya kuhlelwa kukuswela.
23Omohlwaya umntu, woti kamva afumane ufefe ngapezu kwoteta ngobutelezi.
24Odlayo uyise nonina, esiti: Asi siso isono; lowo ungumlingane womcitakalisi.
25Ompefumlo ukukumeleyo, uyavusa ipike; kodwa otembela kuyehova, uya kutyetyiswa.
26Otembayo eyake intliziyo, usisidenge yena; kodwa ohambayo ngobulumko, yena uya kusindiswa.
27Opayo ihlwempu, akayi kuswela; kodwa ofihla amehlo ake, uya kwanelwa ziziqalekiso.
28Kuti kwakupakama abakohlakeleyo, kuzimele abantu; kodwa bakutshabalala, kwandul’ ukwanda abalungileyo.
Currently Selected:
Imizekeliso 28: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: