Imizekeliso 31
31
1AMAZWI ka‐Lemuweli ukumkani; isiprofitesho owabesifundiswa ngunina.
2Yinto nina, nyana wam? yinto nina, nyana wesizalo sam? ewe, yinto nina, nyana wezibambiso zam? 3Musa ukunika amandla ako kuwo amankazana, nendlela zako kuko okutshabalalisayo okumkani.
4Akufanele okumkani, Lemuweli! akufanele okumkani ukusela iveyine, nenkosi ukukanuka uselo olunamandla: 5hleze asele, alibale umteto, aze ajike ityala lababandezelweyo bonke. 6Nikani uselo olunamandla koza kububa, neveyine kwabampefumlo uṙaṙa. 7Makasele, aze alibale ubuhlwempu bake, angabi sakumbula ubunzima bake.
8Vulela oliyilo umlomo wako; wuvulele ityala labo bonke abazinkedama. 9Vula umlomo wako, lungisa ukugweba, utetelele olihlwempu nosweleyo.
10UMFAZI otembekileyo ngubanina ongamfumanayo? ngokuba ixabiso lake ligqitisele irubi kakulu. 11Intliziyo yendoda yake iyatembela kuye, ukuze ingasweli inzuzo. 12Uya kuyenza okulungileyo, angayenzi okubi, yonke imihla yobomi bake. 13Uyafuna uboya nefelase, anyamekele ukusebenza ngezandla zake. 14Unjengazo inqanawa zabatengi; uyazeka ukutya kwake kwa kude. 15Kanjalo uyavuka kusesebusuku, aze anike abendlu yake ukudla, nezicakakazi zake okuzimiselweyo. 16Uyacingela intsimi, ayizuze ke; ngesixakato sezandla zake uyatyala umyezo. 17Uyabinqa isinqe sake ngamandla, azomeleze ingalo zake. 18Uyaqiqa ukuba intengo yake ilungile; isibane sake asicimeki ebusuku. 19Izandla zake uyazolulela kuso isipindele; neminwe yake iyabamba idistafe. 20Isandla sake uyasitwabululela olihlwempu, nezandla zake uyazolulela osweleyo. 21Akoyikeli abendlu yake ngenxa yengqweqwe; ngokuba bonke abendlu yake bambesiwe ngengubo ezibomvu. 22Uyazenzela izigubungelo zokwandlala; yiqiya eshiceneyo neyebomvumnyama ukuvata kwake. 23Indoda yake iyaziwa emasangweni, nxa ihleli nabadala belizwe. 24Uyenza ihempe zeqiya, atengise ngazo; nemibinqo uyayinikela umtengi. 25Amandla nodumo sisivato sake; kanjalo uyahlekela ixesha elizayo. 26Uyavula umlomo wake ngobulumko; nomteto wobubele upezu kwolwimi lwake. 27Uyabonela emikweni yabendlu yake; nesonka sobuvila akasidli. 28Abantwana bake bayasuka, bambize ngonetamsanqa; iyasuka indoda yake, imdumise: 29Zininzi intombi ezenzileyo ngokukolisa, kodwa wena ugqitisile pezu kwazo zonke! 30Isoya sibuxoki, nobunzwakazi buyinto engendawo; kodwa umfazi omoyikayo uyehova, yena uya kudunyiswa. 31Mnikeni ngokwesixakato sezandla zake; eyake imisebenzi mayimdumise emasangweni.
Currently Selected:
Imizekeliso 31: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: