Amaculo 102
102
ICULO CII.
Umtandazo wobandezelweyo, nxa acubukile, ade apalaze isikalazo sake ebusweni buka‐Yehova.
1YIVA umtandazo wam, Yehova! isikalo sam masize kuwe. 2Ungandifihleli ubuso bako: mhlana ndisebunzimeni, tobela kum indlebe yako; mhlana ndibizayo, zuhle undipendule.
3Ngokuba imihla yam ipela njengomsi; amatambo am atshile njengeziko. 4Intliziyo yam ibetiwe, yoma njengenca, ndada ndalibala ukudla isonka sam. 5Ngenxa yelizwi lokugula kwam, amatambo am ate nama enyameni yam. 6Ndinjengencwangube yentlango, ndinjengesikova sobugxwayiba. 7Ndiyalinda, ndinjengehobohobo elilodwa pezu kwendlu. 8Intshaba zam ziyandigxeka imini yonke; abo bandigezelayo bafungile ngakum. 9Ngokuba ndityile ututu njengesonka, nokusela kwam ndikupitikezile nokulila, 10ngenxa yengqumbo yako nomsindo wako: ngokuba undifunqule, wandikahlela pantsi. 11Intsuku zam zinjengesitunzi esolukayo; ndomile njengenca.
12Kodwa wena, Yehova! uya kuhlala kude kube ngunapakade, nenkumbuzo yako kwisizukulwana ngesizukulwana. 13Uya kuvuka, ube nenceba pezu kwe‐Ziyone; ngokuba ixesha lokuyipata ngofefe, ewe, ixesha elimiselweyo, lifikile. 14Ngokuba izicaka zako zikolela amatye ayo, zikedamela utuli lwayo. 15Kukona abaheyideni baya kwoyika igama likayehova, nabo bonke okumkani bomhlaba ubungcwalisa bako. 16Nxa uyehova aya kwaka i‐Ziyone, uya kubonakala ebungcwaliseni bake. 17Wobeka emtandazweni wabahamba zé; akayi kudela umtandazo wabo. 18Oku kwoba̔lelwa isizukulwana sasemva, baze abantu abaza kudalwa badumise uyehova. 19Ngokuba ebekangele pantsi kwa senyangweni yake eyingcwele; kwa sezulwini uyehova wakangela umhlaba; 20ukupulapula ukugula kwombanjwa; ukukulula abo bamiselwe ukufa; 21ukushumayela igama likayehova e‐Ziyone, nodumo lwake e‐Yerusaleme; 22nxa izizwe zihlanganisene ndawonye, nezikumkani, ukukonza uyehova.
23Wabulala amandla am endleleni; wancipisa imihla yam. 24Ndati: Tixo wam! zungandisusi ndisepakati kwemihla yam: iminyaka yako imi ngezizukulwana ngezizukulwana. 25Kwa kudala wabeka ukuseka kwomhlaba; nezulu lingumsebenzi wezandla zako. 26Zotshabalala zona, kodwa wena womana ubako: ewe, zonke ezo ziya kuguga njengengubo; uya kuziguqula njengesivato, zaziya kuguqulwa ke. 27Kanti wena ukwa nguwe; iminyaka yako ayisayi kupela. 28Abantwana bezicaka zako bohlala, nenzalo yazo yoqiniswa pambi kwako.
Currently Selected:
Amaculo 102: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: