Amaculo 105
105
ICULO CV.
1BULELANI kuyehova, shumayelani igama lake, yazisani izenzo zake pakati kwezizwe. 2Vumani kuye, culani amaculo kuye, tetani ngayo yonke imimangaliso yake. 3Qa̔yisani ngegama lake eliyingcwele; maivuye intliziyo yabamfunayo uyehova. 4Buzelani uyehova, namandla ake; funani ubuso bake futi. 5Kumbulani imimangaliso yake ayenzileyo; imiqondiso yake, nezigwebo zomlomo wake; 6nina nzalo ka‐Abrahame isicaka sake, bonyana baka‐Yakobi, abaqashwa bake! 7Nguyehova, utixo wetu, yena: imigwebo yake ikuwo wonke umhlaba.
8Uyakumbula ucebano lwake kude kube ngunapakade; ilizwi wabelixela, kude kube liwaka lezizukulwana; 9ucebano owalwenzayo no‐Abrahame, nesifungo sake ku‐Yisake; 10walumisela ku‐Yakobi lube ngumteto, ku‐Sirayeli lube lucebano olungunapakade; 11esiti: Ndokunika ilizwe le‐Kanane, isabiwo selifa lenu; 12okuya bebengabantu abalula, kwa into encinanana nabasemzini kulo. 13Bati bakuhamba kwisizwe ngesizwe, bevela kwobunye ubukumkani besiya ebantwini bambi; 14akavumelanga mntu ukuba ababandezele: wohlwaya nokumkani ngenxa yabo; 15esiti: Ningacukumisi abatanjiswa bam, nabaprofite bam ningabapati kakubi.
16Kanjalo wabiza indlala ize pezu kwelizwe; wonke umsimelelo wesonka wawapula. 17Watuma indoda pambi kwabo; u‐Josefe watengiswa abe likonza: 18babulala inyawo zake ngamakamandela; umpefumlo wake wangena esinceteni; 19kwada kwalixesha lokufika kwelizwi lake: ilizwi likayehova lamcokisa. 20Watuma ukumkani, wamkulula; watuma umpati wesizwe, wamvulela. 21Wamenza inkosi yendlu yake, nompati pezu kwayo yonke impahla yake; 22aze anxibe inkosana zake ngentando yake, alumkise amapakati ake. 23U‐Sirayeli naye weza e‐Jipete; wati u‐Yakobi wahlala ezweni lakwa‐Hame. 24Waza wandisa abantu bake kakulu; wabenza abanamandla pezu kwababandezeli babo.
25Wajika intliziyo yabo ize bazonde abantu bake, benze ngenkohliso ezicakeni zake. 26Watuma u‐Mosesi isicaka sake, no‐Arone owabemqashile. 27Babonakalisa imiqondiso yake pakati kwabo, nemimangaliso ezweni lakwa‐Hame. 28Watuma ubumnyama, kwaba mnyama ke: abavukelanga ilizwi lake. 29Waguqula amanzi abo abe ligazi, wabubisa intlanzi zabo. 30Umhlaba wabo wavelisa kakulu amasele, ezinkambilini zokumkani babo. 31Wateta, kwaza kwafika izibau, nentwala kuyo yonke imida yabo. 32Wabanika isico̔to endaweni yemvula, namalangatye omlilo ezweni labo. 33Wabeta imiti yeveyine yabo, nemikiwane yabo; wapula nemiti yemida yabo. 34Wateta, kwaza kwafika inkumbi, noṙuxeshe, kwa ngento engenakubalwa; 35zaza zadla yonke inca yelizwe labo; zadla nesiqa̔mo somhlaba wabo. 36Wati kanjalo wabeta onke amazibulo elizweni labo, isiqalo sawo onke amandla abo. 37Waza wabapumisa benesilivere negolide; kungabangako pakati kwezizwe zabo ohexayo. 38Ama‐Jipete avuya bakupuma; ngokuba isoyikiso sabo sawa pezu kwawo. 39Wandlala ilifu libe sisigubungelo; nomlilo wokukanyisa ebusuku. 40Kwacelwa, waza wazisa izagwityi, wabahlutisa ngesonka sezulu. 41Wavula ilityekazi, kwampompoza amanzi ke; abaleka ezindaweni ezomileyo njengomlambo. 42Ngokuba ebekumbula ilizwi lake eliyingcwele, no‐Abrahame isicaka sake. 43Waza wapumisa abantu bake ngovuyo, nabaqashwa bake ngomgcobo; 44wabapa amazwe abaheyideni, baza badla ilifa lomsebenzi wentlanga: 45ukuze bagcine imimiso yake, babambe nemiteto yake. — Dumisani uyehova!
Currently Selected:
Amaculo 105: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: