Amaculo 109
109
ICULO CIX.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu.
1MAUNGATI cwaka, Tixo wendumiso yam! 2Ngokuba kuvuliwe ngakum umlomo wokohlakeleyo nomlomo womkohlisi; batetile ngakum ngolwimi lwobuxoki. 3Bandiṙaula nangamazwi okutiya; balwa nam kungeko tuba. 4Endaweni yokutanda kwam bayimpi kum; kodwa mna ndisemtandazweni. 5Kanjalo bandibekele ububi endaweni yokulunga, nokutiya endaweni yokutanda kwam.
6Misa okohlakeleyo pezu kwake; ati u‐Satane eme ngasekunene kuye. 7Nxa agwetywayo, makapume enetyala; ube sisono nomtandazo wake. 8Imihla yake maibe mincinane; butatyatwe ngomnye ubongama bake. 9Mabati abantwana bake babe zinkedama, nomfazi wake abe ngumhlolokazi. 10Abantwana bake mababe zimpalalana, banqibe; mabafune ukudla bevela ezindaweni zabo ezicitakeleyo. 11Umbangi makadle konke anako; bati abasemzini bapange inzuzo yake. 12Makungabiko oya kumolulela ububele; kanjako makungabiko oya kuba nofefe pezu kwenkedama zake. 13Inzalo yake mainqanyulwe; liti igama layo esizukulwaneni sasemva licinywe. 14Inkohlakalo yoyise bake maikunjulwe ebusweni bukayehova; siti isono sonina singacinywa: 15mazibe pambi kwoyehova futi, ukuze ayinqamle inkunjulwa yabo emhlabeni: 16ngenxa yokuba engakumbulanga ukwenza ngobubele, koko emtshutshisile olihlwempu nosweleyo, enxamele ukubulala nontliziyo ilusizi. 17Njengokuba ebetanda ukuqalekisa, kwa njalo kwoza kuye: njengokuba engatandanga ukutamsanqelisa, kwa njalo kwoba kude naye. 18Njengokuba ebezivatisile ngoqalekiso njengengubo yake, kwa njalo lwoza njengamanzi embilini wake, nanjengamafuta ematanjeni ake. 19Malube kuye njengengubo ayambatayo, nombinqo azibinqa ngawo futi. 20Oku makube ngumvuzo wabayimpi kum ovela kuyehova, nowabatetayo okubi ngakumpefumlo wam.
21Kodwa wena, Yehova oyinkosi! yenzela mna ngenxa yegama lako: ngenxa yokuba ububele bako bulungile, zundikulule. 22Ngokuba ndilihlwempu, ndingosweleyo mna; intliziyo yam ihlatyiwe pakati kwam. 23Ndiyemka njengesitunzi nxa solukayo; ndiyavutululwa njengenkumbi. 24Amadolo am ayahexa ngokuzila ukudla; inyama yam iyanqina ngokuswela ubunqata. 25Kanjalo ndaba sigxekwa kubo: bati bakundibona bahlunguzela intloko zabo. 26Ndincede, Yehova, Tixo wam! ndisindise ngabo ububele bako: 27ukuze bazi ukuba oku kusisandla sako; ukuba nguwe, Yehova! okwenzileyo. 28Mabaqalekise bona, kodwa zutamsanqelise wena; mabati bona bakuvuka, badaniswe; siti kodwa isicaka sako sivuye. 29Abayimpi kum mabavatiswe ngehlazo, mabambate idano labo njengengubo.
30Ndiya kubulela kuyehova kakulu ngomlomo wam; napakati kwabaninzi ndiya kumdumisa. 31Ngokuba eya kuma ngasekunene kwihlwempu, ukuze alisindise kwabo bagweba umpefumlo walo.
Currently Selected:
Amaculo 109: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: