Amaculo 119
119
ICULO CXIX.
ALEFE.
1HAI itamsanqa labandlela ilungile, abahambayo emtetweni kayehova! 2Hai itamsanqa lababamba izinqi̔nelo zake, abamfuna ngentliziyo yonke; 3abati kanjalo bangenzi inkohlakalo, babambe ezindleleni zake! 4Wena usiyalele ukuba kugcinwe ingxelo zako kakulu. 5Azaba indlela zam zaqiniselwa ukugcina imimiso yako! 6Oko andiyi kudaniswa, nxa ndiyigqalayo yonke imiyalelo yako. 7Ndokudumisa ngolungelelwano lwentliziyo, nxa ndizifundileyo izigwebo zako ezilungileyo. 8Imimiso yako ndoyigcina: zungandishiyi kanye.
BETE.
9Indodana iya kucokisa nganto nina indlela yayo? Ngokuyigcina njengokwelizwi lako. 10Ndikufunile ngentliziyo yam yonke; zungavumeli ukuba ndilahlekane nemiyalelo yako. 11Ilizwi lako ndilibekele entliziyweni yam, ukuze ndingoni ngakuwe. 12Udumisekile, Yehova! ndifundise imimiso yako. 13Ngowam umlomo ndishumayele zonke izigwebo zomlomo wako. 14Ndivuyile endleleni yezinqi̔nelo zako, njengapezu kwendyebo zonke. 15Ndiya kucinga ingxelo zako, ndigqale indlela zako. 16Ndiya kuziyolisa emimisweni yako: andiyi kulibala ilizwi lako.
GIMELE.
17Yenzela isicaka sako okulungileyo, ukuba ndidle ubomi, ndigcine ilizwi lako. 18Tyila amehlo am, ndize ndikangele imimangaliso yasemtetweni wako. 19Ndingowasemzini emhlabeni: zungandifihleli imiyalelo yako. 20Umpefumlo wam uyapuka ngokunqwenela izigwebo zako ngamaxa onke. 21Ubatetisile abaner̔atshi abaqalekisiweyo, abalahlekanayo nemiyalelo yako. 22Songa kum ugxeko nodelo; ngokuba izinqi̔nelo zako ndizibambile. 23Kwa nenkosi zahlala zateta ngakum: kodwa isicaka sako sacinga imimiso yako. 24Izinqi̔nelo zako nazo ziluyolo lwam; zingabacebisi bam.
DALETE.
25Umpefumlo wam unamatele elutulini: ndipilise njengokwelizwi lako. 26Ndizishumayele indlela zam, wandiva: ndifundise imimiso yako. 27Ndiqondise indlela yengxelo zako; ndandiya kuteta ngayo imimangaliso yako. 28Umpefumlo wam uyanyibilika ngosizi: ndomeleze njengokwelizwi lako. 29Shenxisa kum indlela yobuxoki; undipe umteto wako ngofefe. 30Ndiqashile indlela yenyaniso: izigwebo zako ndizibekile pambi kwam. 31Ndinamatele ezinqi̔nelweni zako: Yehova! zungandidanisi. 32Ndiya kugitshima endleleni yemiyalelo yako, nxa uya kuyenza banzi intliziyo yam.
HE.
33Ndifundise indlela yemimiso yako, Yehova! ndandiya kuyibamba kude kube sekupeleni. 34Ndiqondise, ndandiya kubamba umteto wako, ndiwugcine ngentliziyo yonke. 35Ndikokele endleleni yemiyalelo yako; ngokuba ndikolisiwe yiyo. 36Tobela intliziyo yam ezinqi̔nelweni zako, kungabi kuyo inzuzo ekohlakeleyo. 37Dlulisa amehlo am angaboni okungendawo: ndipilise endleleni yako. 38Qinisa ilizwi lako esicakeni sako, esisekwoyikeni wena. 39Dlulisa ukugxekwa kwam endikwoyikayo: ngokuba izigwebo zako zilungile. 40Kangela, ndikanukile ingxelo zako: ndipilise ngobulungisa bako.
VAU.
41Kanjalo ububele bako mabuze kum, Yehova! kwa usindiso lwako, njengokwelizwi lako. 42Kukona ndiya kuba nokupendula ondigxekayo: ngokuba nditemba ilizwi lako. 43Uze ungalihluti kanye emlonyeni wam ilizwi lenyaniso; ngokuba nditembele kuzo izigwebo zako. 44Kukona ndiya kugcina umteto wako futi, kude kube ngunapakade kanapakade. 45Ndandiya kuhamba ndikululekile: ngokuba ndizifuna ingxelo zako. 46Ndoteta ngezinqi̔nelo zako nasebusweni babo okumkani, ndandingayi kudana. 47Kanjalo ndoziyolisa emiyalelweni yako, endiyitandileyo. 48Nezandla zam ndozipakamisela kuyo imiyalelo yako, endiyitandileyo; ndandiya kucinga imimiso yako.
ZAYINE.
49Kumbula ilizwi esicakeni sako, onditembisileyo pezu kwalo. 50Oku kulututuzelo lwam ebunzimeni bam: ngokuba ilizwi lako lindipilisile. 51Abaner̔atshi bandigculele kakulu; andishenxanga noko emtetweni wako. 52Ndikumbule izigwebo zako kwa kudala, Yehova! ndaza ndazitutuzela. 53Ukunkwantya kundibambile, ngenxa yabakohlakeleyo abashiya umteto wako. 54Imimiso yako ibingamaculo kum, endlwini yokupambukela kwam. 55Ndikumbule igama lako. Yehova! ebusuku, ndagcina umteto wako. 56Ndandinako oku, ngokuba ndibe ndibamba ingxelo zako.
HETE.
57Usisabelwa sam, Yehova! ndite ndiya kugcina amazwi ako. 58Ndakungela ubuso bako ngentliziyo yonke: yiba nofefe kum njengokwelizwi lako. 59Ndakumbulela indlela zam, ndaguqula inyawo zam ngasezinqi̔nelweni zako. 60Ndakanleza, ndingazilazilanga, ukugcina imiyalelo yako. 61Imigibe yabakohlakeleyo indingqongile: andilibalanga umteto wako noko. 62Pakati kwobusuku ndiya kupapama ndibulele kuwe, ngenxa yezigwebo zako ezilungileyo. 63Ndingumlingane wabo bonke abakwoyikayo, nabo bazigcinayo ingxelo zako. 64Umhlaba, Yehova! uzele bububele bako: ndifundise imimiso yako.
TETE.
65Usenzele isicaka sako okulungileyo, Yehova! njengokwelizwi lako. 66Ndifundise ingqiqo elungileyo nokwazi: ngokuba ndibe ndikolwa yimiyalelo yako. 67Ndati ndingekabandezelwa, ndalahleka; kodwa kaloku ndiligcinile ilizwi lako. 68Ulungile wena, uyenza okulungileyo kanjalo: ndifundise imimiso yako. 69Abaner̔atshi baqingile ubuxoki ngakum; koko ndiya kubamba ingxelo zako ngentliziyo yonke. 70Intliziyo yabo ityebile njengenqata; koko mna ndiziyolisa emtetweni wako. 71Kundilungele ukuba ndibe ndibandezelwa; ukuze ndifunde imimiso yako. 72Umteto womlomo wako ulungile kum ngapezu kwamawaka egolide nesilivere.
YODE.
73Izandla zako zindenzile zandidala: ndiqondise, ukuba ndifunde imiyalelo yako. 74Abo bakwoyikayo bondibona bavuye; ngokuba nditembele ezwini lako. 75Ndiyazi, Yehova! ukuba izigwebo zako zibulungisa; kanjalo kungenyaniseko ukundibandezela kwako. 76Mabuti ke ububele bako bube kukunditutuzela, njengalo ilizwi lako esicakeni sako. 77Inceba zako mazize kum, ukuba ndidle ubomi: ngokuba umteto wako uluyolo lwam. 78Abaner̔atshi mabadaniswe; ngokuba bendipenule kungeko ndawo: kodwa mna ndiya kucinga ingxelo zako. 79Mabati abakwoyikayo baguqukele kum, kwa nabo bazaziyo izinqi̔nelo zako. 80Intliziyo yam mayibe ifezekile emimisweni yako, ukuze ndingadani.
KAFE.
81Umpefumlo wam uyapelela usindiso lwako: nditembele ezwini lako. 82Amehlo am ayapelela ilizwi lako, ndisiti: Uya kunditutuzela ninina? 83Ngokuba ndide ndaba njengemvaba esemsini; ndingalibalanga imimiso yako noko. 84Zingapina intsuku zesicaka sako? uya kuwenza umgwebo ninina pezu kwabandizingelayo? 85Abaner̔atshi bandimbele izihogo; ekungenjengawo umteto wako. 86Yonke imiyalelo yako iyinyaniseko; bayandizingela kungeko ndawo; ndincede. 87Bapantsi kundigqibela emhlabeni; koko ndingashiyanga ingxelo zako. 88Ndipilise njengokwobubele bako; kukona ndiya kugcina isinqi̔nelo somlomo wako.
LAMEDE.
89 Yehova! ilizwi lako limi ezulwini kude kube ngunapakade. 90Inyaniseko yako ikwisizukulwana ngesizukulwana: uqinisile umhlaba, wema ke. 91Ngezigwebo zako zimi kwada kwanamhla; ngokuba zonke zizicaka zako. 92Ukuba umteto wako wabungelulo uyolo lwam, ngendibubile oko ndisebunzimeni bam. 93Andisayi kuza ndilibale ingxelo zako; ngokuba undipilisile ngazo. 94Ndingowako, ndisindise; ngokuba ndizifunile ingxelo zako. 95Abakohlakeleyo bandilalele ukundibubisa: kodwa ndokumbula izinqi̔nelo zako. 96Ndibonile isipelo kuyo yonke imfezeko: kodwa umyalelo wako ubanzi kakulu.
MEME.
97Hai ukutanda kwam umteto wako! kukucinga kwam wona imini yonke. 98Wena undilumkisile ngemiyalelo yako ngapezu kwentshaba zam; ngokuba kungunapakade ikum. 99Ndinokuqonda ngapezu kwabafundisi bam bonke; ngokuba izinqi̔nelo zako zikukucinga kwam. 100Ndinokuqiqa ngapezu kwabadala; ngokuba ndibamba ingxelo zako. 101Ndinqandile inyawo zam kuzo zonke indlela ezingalungileyo, ukuze ndigcine ilizwi lako. 102Andimkanga kuzo izigwebo zako; ngokuba wena undifundisile. 103Hai ukuba mnandi kwamazwi ako kwikuhlangubo lam! ngapezu kwabo ubusi kumlomo wam! 104Ngazo ingxelo zako ndiyazuza ingqondo: ngako ndiyatiya zonke indlela zobuxoki.
NUNE.
105Ilizwi lako lisisibane ngasezinyaweni zam, nesikanyiso ngasendleleni yam. 106Ndifungile, ndandiya kuqinisa, ukuba ndogcina izigwebo zako ezilungileyo. 107Ndibulawa kakulu: ndipilise, Yehova! njengokwelizwi lako. 108Uz’ uti ke, Yehova! uyibuke iminikelo yesisa yomlomo wam, undifundise izigwebo zako. 109Ubomi bam busesandleni sam futi: umteto wako andiwulibali noko. 110Abakohlakeleyo bandibekele umgibe: andilahlekene nengxelo zako noko. 111Nditabatile izinqi̔nelo zako zibe lilifa lam kude kube ngunapakade; ngokuba ziluvuyiso lwentliziyo yam. 112Nditobele intliziyo yam ukwenza imimiso yako ngamaxesha onke, kude kube sekupeleni.
SAMEKE.
113Amatindala ndiyawatiya; kodwa umteto wako ndiyawutanda. 114Nguwe indawo yam yokufihlela nekaka lam: ndiyatembela ezwini lako. 115Mkani kum, nina benzi bokungalungileyo! ngokuba ndiya kubamba imiyalelo yotixo wam. 116Ndisekele njengokwelizwi lako, ndize ndidle ubomi: zungandidanisi ngokwetemba lam. 117Ndixase, wena! kukona ndiya kugcineka: ndandiya kugqala imimiso yako futi. 118Ubalahlile bonke abalahlekana nemimiso yako: ngokuba inkohliso yabo iyinto engendawo. 119Bonke abakohlakeleyo bomhlaba uyabapelisa njengentlenga: ngako oko ndiyatanda izinqi̔nelo zako. 120Inyama yam iyangcangcazela ngokwoyika wena: ngokuba ndiyoyika imigwebo yako.
AYINE.
121Ndenzile ubugwebo nobulungisa: zungandilahleli ebabandezelini bam. 122Yiba ngumbambiseli wesicaka sako ngako okulungileyo: abaner̔atshi mabangandibandezeli. 123Amehlo am ayapelela usindiso lwako, nelizwi lobulungisa bako. 124Yenzela isicaka sako njengokwobubele bako, undifundise imimiso yako. 125Ndisisicaka sako; ndiqondise, ndandiya kuzazi izinqi̔nelo zako. 126Selilixesha lokuba kusebenze uyehova; ngokuba bewapule umteto wako. 127Ngako oko ndiyatanda imiyalelo yako pezu kwegolide; ewe, pezu kwegolide ecokisiweyo. 128Ngako oko zonke ingxelo zako ngento zonke ndivumele ukulunga kwazo: kodwa zonke indlela zobuxoki ndizitiyile.
PE.
129Izinqi̔nelo zako zingummangaliso; ngako oko umpefumlo wam uyazibamba. 130Ukutyila kwelizwi lako kuyakanyisa; kuyaqondisa izidenge. 131Ndavula umlomo wam, ndabefula; ngokuba ndibe ndilangazelela imiyalelo yako. 132Beka kum, undipate ngofefe, njengesiko kwabo batanda igama lako. 133Lungisa amanyatela am ngelizwi lako: makungabi nabukosi pezu kwam nanye inkohlakalo. 134Ndikulule ekubandezeleni kwabantu; ndandiya kugcina ingxelo zako. 135Ubuso bako bukanyise pezu kwesicaka sako, undifundise imimiso yako. 136Imijelo yamanzi iyehla emehlweni am, ngokuba bengagcini umteto wako.
TSADE.
137Ulungile wena, Yehova! yinto efanelekileyo nezigwebo zako. 138Izinqi̔nelo zako, ozixelileyo, zinobulungisa, zinenyaniso kakulu. 139Ubukwele bam bundigqibile, ngokuba intshaba zam zilibele amazwi ako. 140Ilizwi lako licocekile kanye; kukona isicaka sako silitandayo. 141Ndimncinane, ndideliwe; andilibali ingxelo zako noko. 142Ubulungisa bako bubulungisa obungunapakade, nomteto wako uyinyaniso. 143Ndihlelwe bubunzima noxinezeko: imiyalelo yako iluyolo lwam noko. 144Ubulungisa bezinqi̔nelo zako bungunapakade: ndiqondise, ndandiya kudla ubomi.
KOFE.
145Ndabiza ngentliziyo yonke; ndipendule, Yehova! ndiya kugcina imimiso yako. 146Ndabizela kuwe; ndisindise, ndandiya kugcina izinqi̔nelo zako. 147Ndapangela isifingo sokusa, ndadanduluka: ndatembela ezwini lako. 148Amehlo am ayapangela amavaṙasho asebusuku, ndize ndicinge ilizwi lako. 149Yiva ilizwi lam njengokwobubele bako: Yehova! ndipilise njengokwogwebo lwako. 150Basondele abo baputumayo ubumenemene: bakude nomteto wako. 151Ukufupi wena, Yehova! yonke imiyalelo yako iyinyaniso. 152Kwa kudala ndikwazile ngazo izinqi̔nelo zako ukuba uzimisile kude kube ngunapakade.
RESHE.
153Bona ubunzima bam, undihlangule: ngokuba ndingalibali umteto wako. 154Tetelela ityala lam, undikulule: ndipilise njengokwelizwi lako. 155Usindiso lukude nabakohlakeleyo; ngokuba bengafuni imimiso yako. 156Izibele zako zininzi, Yehova! ndipilise njengokwezigwebo zako. 157Baninzi abatshutshisi bam nentshaba zam: andishenxi ezinqi̔nelweni zako noko. 158Ndabona abo benza ngobuxoki, ndadela; ngokuba bengaligcinanga ilizwi lako. 159Bona ukuba ingxelo zako ndizitandile: ndipilise, Yehova! njengokwobubele bako. 160Ilizwi lako liyinyaniso lipela; zonke izigwebo zako ezilungileyo zingunapakade.
SHINE.
161Inkosi zanditshutshisa kungeko nto: kodwa intliziyo yam iloyikile ilizwi lako. 162Ndiyavuyela ilizwi lako, njengofumene amaxoba amakulu. 163Ubuxoki ndibutiyile, ndabuzonda; kodwa umteto wako ndiwutandile. 164Kasixe̔nxe ngamini nye ndiyakudumisa ngenxa yezigwebo zako ezilungileyo. 165Banoxolo olukulu abo batanda umteto wako: akuko siku̔bekiso kubo. 166Nditembele usindiso lwako, Yehova! nemiyalelo yako ndiyenzile. 167Umpefumlo wam uzigcinile izinqi̔nelo zako; ndiyazitanda kakulu kanjalo. 168Ndizigcinile ingxelo zako nezinqi̔nelo zako: ngokuba zonke indlela zam zipambi kwako.
TAU.
169Isikalo sam masisondele pambi kwako, Yehova! ndiqondise njengokwelizwi lako. 170Isikungo sam masize pambi kwako: ndihlangule njengokwelizwi lako. 171Umlomo wam uya kupimisela indumiso, nxa undifundisile imimiso yako. 172Ulwimi lwam luya kuhlabela ngelizwi lako: ngokuba yonke imiyalelo yako ibulungisa. 173Isandla sako masindincede: ngokuba ndiziqashile ingxelo zako. 174Ndikanukile usindiso lwako, Yehova! kanjalo umteto wako uluyolo lwam. 175Umpefumlo wam maupile, uze ukudumise; ziti izigwebo zako zindincede. 176Ndadungudela njengegusha elahlekileyo; funa isicaka sako; ngokuba ndingalibali imiyalelo yako.
Currently Selected:
Amaculo 119: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: