Amaculo 142

142
ICULO CXLII.
Elika‐Davide, lokuqondisa; umtandazo nxa ebesemqolombeni.
1NDALILELA kuyehova ngelizwi lam; ndataṙuzisa kuyehova ngelizwi lam. 2Ndapalaza isikalazo sam ebusweni bake; ndashumayela ubunzima bam pambi kwake. 3Nxa umoya wam ubucubukile pakati kwam, wandula wayazi wena indlela yam. Endleleni endihamba ngayo, bandifihlele isibata. 4Kangela ngasekunene, ubone; kodwa akuko mntu ondaziyo: ndibujelwe yindawo yokupepela; akuko mntu okatalela umpefumlo wam.
5Ndalilela kuwe, Yehova! ndati: Nguwe indawo yam yokupepela, nesabelwa sam emhlabeni wabapilileyo. 6Pulapula isikalo sam; ngokuba nditotyelwe pantsi kakulu: ndihlangule kwabanditshutshisayo; ngokuba bendigqitisile ngamandla. 7Ku̔pa umpefumlo wam entolongweni, ndize ndidumise igama lako: abalungileyo baya kundipahla, nxa uya kundivuza.

Currently Selected:

Amaculo 142: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena