Amaculo 145
145
ICULO CXLV.
Elika‐Davide, lokudumisa.
1NDOKUPAKAMISA, Tixo wam, Kumkani! ndandiya kubonga igama lako kude kube ngunapakade. 2Ngemihla yonke ndokubonga; ndandiya kudumisa igama lako kude kube ngunapakade. 3Umkulu uyehova; ulungel nkudunyiswa kakulu: ubukulu bake abunakupengululwa. 4Esinye isizukulwana siya kuncoma imisebenzi yako kwesinye, sishumayele izenzo zako zamandla. 5Ndiya kuteta ngodumo olubungcwalisa lwobungangamsha bako, nangendawo zemimangaliso yako. 6Baya kutyela amandla ezenzo zako ezoyikekayo: ndandiya kubalisa ubukulu bako. 7Baya kukolisa ukuxela inkunjulwa yobubele bako obuninzi, badumise ubulungisa bako ngovuyo.
8 Uyehova unofefe nenceba; uqumba kade, enobubele obukulu. 9Uyehova nlungile kubo bonke: nenceba zake zipezu kwayo yonke imisebenzi yake. 10Yonke imisebenzi yako yokudumisa, Yehova! nabangcwele bako bokubonga. 11Baya kutyela ubungcwalisa bobukumkani bako, batete ngamandla ako: 12ukwazisa konyana babantu izenzo zake zamandla, nobungcwalisa bodumo lwobubumkani bake. 13Ubukumkani bako bubukumkani obungunapakade; nobukosi bako bobesizukulwana ngesizukulwana.
14 Uyehova uyasekela bonke abawayo; uyabapakamisa bonke abatotyiweyo. 15Amehlo abo bonke ayakangela kuwe; uyabamkelisa ukutya kwabo ngexesha lako. 16Uyavula isandla sako, ukolise intando yako konke okuhleliyo. 17Uyehova unobulungisa kuzo zonke indlela zake: unobubele kuyo yonke imisebenzi yake.
18 Uyehova ukufupi kubo bonke abambizayo, kubo bonke abambizayo ngenyaniso. 19Intando yabamoyikayo woyifeza; nesikalo sabo uya kusiva, abasindise. 20Uyehova uyabagcina bonke abamtandayo: kodwa abakohlakeleyo bonke uya kubatshabalalisa. 21Umlomo wam uya kuteta udunyiswa lukayehova: maluti uluntu lwonke lubonge igama lake elingcwele kude kube ngunapakade.
Currently Selected:
Amaculo 145: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: