Amaculo 21
21
ICULO XXI.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu.
1YEHOVA! ukumkani wovuya ngamandla ako; ukugcoba kwake ngosindiso lwako ukuba kukulu ke! 2Umpile inkanuko yentliziyo yake; isicelo somlomo wake akusibandezanga. Sela. 3Ngokuba umpangela ngamatamsanqa okulunga; uyabeka isitsaba segolide ecokisiweyo entloko yake. 4Ebecela ubomi kuwe, wamnika ke; kwa ubude bemihla kude kube ngunapakade. 5Ubungewalisa bake bukulu ngalo usindiso lwako; uyabeka udumo nobukulu pezu kwake. 6Ngokuba uya kumfaka amatamsanqa kude kube ngunapakade; uya kumvuyisa ngovuyo ebusweni bako. 7Ngokuba ukumkani etembela kuyehova: nangabo ububele bopezu konke akayi kushukunyiswa.
8Isandla sako sofumana zonke intshaba zako; esokunene sako sofumana abatiyi bako. 9Uya kubenza babe njengeziko lomlilo ngexesha lobuko bako: uyehova uya kubaginya ngomsindo wake; umlilo uya kubadla. 10Isixakato sabo uya kusitshabalalisa wena kwa semhlabeni, nenzalo yabo kwa kubo onyana babantu. 11Ngokuba becebile ububi ngakuwe; bacingile iqinga elikohlakeleyo, koko bengenakweyisa: 12ngokuba uya kubajikisa umhlana; ezintanjeni zako uya kubekisa intolo ngakubo.
13Zipakamise, Yehova! ebukulwini bako; sasiya kuvuma sidumise amandla ako.
Currently Selected:
Amaculo 21: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: