Amaculo 29
29
ICULO XXIX.
Iculo lika‐Davide.
1NIKELANI kuyehova, nina bakulu! nikelani kuyehova ubungcwalisa namandla. 2Nikelani kuyehova ubungcwalisa begama lake; bedeshani uyehova ebuhleni bobungcwele.
3Ilizwi likayehova lipezu kwamanzi; utixo wobungcwalisa uyadudumisa; uyehova upezu kwamanzi amaninzi. 4Ilizwi likayehova linamandla; ilizwi likayehova linobungangamsha. 5Ilizwi likayehova liyapula isedare; ewe, uyehova uziti viti isedare zase‐Lebanone. 6Uyazitsibisa njengetole; kwa i‐Lebanone ne‐Siriyone njengetole lenyati. 7Ilizwi likayehova liyanqika amalangatye omlilo. 8Ilizwi likayehova liyangcangcazelisa intlango; uyehova uyangcangcazelisa intlango yase‐Kadeshe. 9Ilizwi likayehova liyapunzisa amaxamakazi, liyawahluba namahlati: kanjalo etempileni yake bonke bakona bayateta ngobungcwalisa bake.
10 Uyehova waehleli pezu kwomsinga wamanzi; ewe, uyehova uhleli engukumkani kude kube ngunapakade. 11Uyehova uya kunika abantu bake amandla; uyehova uya kutamsanqelisa abantu bake ngoxolo.
Currently Selected:
Amaculo 29: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: