Amaculo 32
32
ICULO XXXII.
Elika‐Davide, lokuqondisa.
1HAI itamsanqa lozigqito zixolelweyo, losono siselelweyo! 2Hai itamsanqa lomntu uyehova angabaleli kuye inkohlakalo, nokungeko emoyeni wake inkohliso!
3Ndindakuti cwaka, amatambo am aba madala ngokubomboloza kwam imini yonke. 4Ngokuba nasemini nasebusuku isandla sako besinzima pezu kwam: ukunyakama kwam kwaguquka kwaba kukwoma kwehlobo. Sela. 5Ndasazisa kuwe isono sam, nenkohlakalo yam andiyigubungelanga. Ndati: Ndiya kuxela izigqito zam kuyehova; waza wena waxolela ityala lesono sam. Sela. 6Ngenxa yoku kwotandaza kuwe bonke ababedeshayo, ngexesha ongafunyanwa ngalo: ngahlekana emsingeni wamanzi amaninzi akayi kusondela kubo. 7Uyindawo yam yokupepela wena; uya kundilondoloza ebunzimeni; uya kundipahla ngemigcobo yenkululo. Sela.
8Ndokufundisa, ndikubonise ngendlela oya kuhamba ngayo: ndokunika icebo, ndibeke iliso lam pezu kwako. 9Maningabi njengehashe, umhlaumbi njengeqwaṙaṙa, into engenakuqonda, umlomo wayo ulungele ukubanjwa ngentsimbi nangomkala, hleze isondele kuwe. 10Intlungu ezininzi zobako kokohlakeleyo; kodwa otembela kuyehova, ububele buya kumpahla. 11Vuyani kuyehova, nigcobe, nina balungileyo! nivuyelele, nonke nina bantliziyo zilungisekile!
Currently Selected:
Amaculo 32: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: