Amaculo 40
40
ICULO XL.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu.
1NDAHLALA ndikangela kuyehova; waza watobela kum, weva ukukala kwam. 2Wandinyusa emnxunyeni wentshabalalo, naseludongweni olubudaka, wamisa inyawo zam elulwalweni, waqinisa ukuhamba kwam. 3Wafaka iculo elitsha emlonyeni wam, kwa indumiso kuye utixo wetu: kwobonwa ngabaninzi, boyike, batembele kuye uyehova. 4Hai itamsanqa lalomntu omisa uyehova abe litemba lake; ongabeki abaner̔atshi, nabajikele elulwimini!
5Zininzi izinto ozenzileyo, Yehova, Tixo wam! kwa imimangaliso yako namaqinga ako ngakuti: akuko nto enokulinganiswa nawe: ukuba ndiya kuxela nditete ngazo, sezikohla ngokungenakubalwa. 6Umbingo nomnikelo ubungawutandi; indlebe zam uzinqikile: idini elitshiswayo nelesono akulibizanga. 7Ndandul’ ukuti: Nanku sekusiza mna: emqulwini wencwadi kuba̔liwe ngam: 8Ndiyatanda mna, Tixo wam! ukuyenza intando yako; umteto wako usembilini wam pakati. 9Ndishumayele ubulungisa entlanganisweni enkulu; bona ke, umlomo wam andiwubambanga; uyazi wena, Yehova! 10Ubulungisa bako andibufihlanga pakati kweyam intliziyo; ndityele inyaniseko yako nosindiso lwako; andisitelisanga nbubele bako nenyaniso yako entlanganisweni enkulu.
11Wena, Yehova! ungabambi kum inceba zako; mandihlale ndigcinwa bubele bako nayinyaniso yako. 12Ngokuba ndiṙauliwe bububi bude bungabi nakubalwa; inkohlakalo zam zindibambile, ndide ndikohlwe kubona; zidlule inwele zentloko yam ngokuba zininzi: sendishiyiwe yintliziyo yam. 13Yehova! mautande ukundikulula: Yehova! kauleza ukuza kundisiza. 14Mabadaniswe, bamatiswe kunye, abo bafuna ubomi bam ukuba babububise: mabanqandelwe ngomva, baviswe ihlazo, abo batanda ukwenzakala kwam. 15Mabasaliswe bodwa, ube ngumvuzo wehlazo labo, abo bati kum: Tshotsho! Tshotsho! 16Mabati bonke abo bafuna wena bagcobe bavuye ngawe: mabati abo batanda usindiso lwako bahlale besiti: Makenziwe mkulu uyehova. 17Kodwa mna ndilihlwempu, ndingosweleyo; inkosi yondikumbulela noko: wena ungumncedi wam nomkululi wam; zungalibali, Tixo wam!
Currently Selected:
Amaculo 40: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: