Amaculo 81
81
ICULO LXXXI.
Elika‐Safa, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngegitite.
1GCOBANI kutixo amandla etu: dandulukani ngovuyo kutixo ka‐Yakobi. 2Pakamisani ngeculo, betani intambula, ikinore emnandi kunye nenebele. 3Vutelani ngexilongo ekutwaseni kwenyanga; nasekuhlangananeni kwayo, ngemini yomtendeleko wetu.
4Ngokuba lo ungummiso ku‐Sirayeli, isiko lotixo ka‐Yakobi. 5Wawumisela kwa‐Josefe ube sisinqi̔nelo, okuya wapumela pezu kwelizwe le‐Jipete; apo ndeva inteto endingayiqondanga. 6Ndasusa igxalaba lake emtwalweni; zemka izandla zake ezimbizeni. 7Wakala ebunzimeni, ndakukulula ke; ndakupendula emfihlelweni yodudumo; ndakulinga ngasemanzini e‐Meriba. Sela.
8Yivani, bantu bam! ndoninqi̔nela: Sirayeli! ukuba uya kundipulapula 9akuyi kubako tixo wasemzini kuwe; kanjalo wena akuyi kutoba pambi kwotixo ongaziwayo. 10Mna ndi nguyehova, utixo wako, obekunyusa ezweni le‐Jipete; yakamisa umlomo wako, ndowuzalisa. 11Kuloko abantu bam bengevanga ilizwi lam; u‐Sirayeli akandivumanga. 12Ndaza ndabayekelela ebulukunini bentliziyo zabo; bahamba ngawabo amacebo.
13Akwaba abantu bam babendipulapula, wati u‐Sirayeli wahamba ngezam indlela! 14Ngendiba nditobisile intshaba zabo kamsinyane, ndabuyisela pezu kwabayimpi kubo isandla sam. 15Abo batiya uyehova ngebese bezenzisile kuye: kanti elabo ixesha beliya kubako kude kube ngunapakade. 16Ebeya kubadlisa kwinqolowa etyebileyo; nangobusi buvela eweni bendiya kukukolisa.
Currently Selected:
Amaculo 81: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: