Amaculo 85
85
ICULO LXXXV.
Liba̔lelwe umhlabeli omkulu: iculo lonyana baka‐Kora.
1YEHOVA! ulibukile ilizwe lako; ubuyisile ukutinjwa kuka‐Yakobi. 2Uxolele inkohlakalo yabantu bako; uselele sonke isono sabo. Sela. 3Ususile wonke umsindo wako; uguqukile ebushushwini bengqumbo yako.
4Sibuyise, Tixo wosindiswa lwetu! upelise ingqumbo yako ngakuti. 5Uya kusiqumbela kude kube ngunapakade na? uya kwolulisa ingqumbo yako kude kube kwisizukulwana ngesizukulwana na? 6Akuyi kubuya usipilise na, baze abantu bako bavuye ngawe? 7Sibonise ububele bako, Yehova! usipe usindiso lwako.
8Ndova into aya kuyiteta utixo uyehova: ngokuba eya kuteta uxolo ebantwini bake, nasebangcweleni bake; kodwa mabangabuyeli ebudengeni. 9Ngenyaniso usindiso lwake lukufupi nabamoyikayo; buze ubungcwalisa buhlale ezweni letu. 10Kuhlangene ububele nenyaniso, kwangene ubulungisa noxolo. 11Inyaniso iya kuhluma emhlabeni; buti ubulungisa bukangele pantsi kwa sezulwini. 12Ewe, uyehova uya kupa oko kulungileyo; nomhlaba wetu uya kunikela ukucu̔ma kwawo. 13Ubulungisa buya kuhamba pambi kwake, busibeke endleleni yomkondo wake.
Currently Selected:
Amaculo 85: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: