Amaculo 96
96
ICULO XCVI.
1VUMANI Kuyehova iculo elitsha; vumani Kuyehova, mhlaba wonke! 2Vumani Kuyehova, bongani igama lake; shumayelani usindiso lwake ngemihla ngemihla. 3Balisani ubungcwalisa bake pakati kwabaheyideni, imimangaliso yake pakati kwezizwe zonke. 4Ngokuba uyehova emkulu, ulungel’ ukudunyiswa kakulu; ulungel’ ukwoyikwa pezu kwotixo bonke. 5Ngokuba bonke otixo bezizwe bengamadalo; kanti uyehova walenza izulu. 6Ebusweni bake kuko udumo nobukulu; endaweni yake eyingcwele kuko amandla nenkazimlo.
7Nikelani kuyehova, zizukulwana zabantu! nikelani kuyehova ubungcwalisa namandla. 8Nikelani kuyehova ubungcwalisa begama lake; zisani umnikelo, ningene emakusini ake. 9Bedeshani uyehova ebuhleni bobungcwele; tutumelani pambi kwake, mhlaba wonke! 10Yitini pakati kwabaheyideni: Uyehova upete ngobukumkani. Ilizwe nalo liya kuqiniswa, lize lingabi nakushukunyiswa: uya kugweba izizwe ngokufanelekileyo.
11Malivuye izulu, ugcobe umhlaba; malugqume ulwandle, nokuzala kwalo; 12mazivuyelele izindle, nako konke okukuzo: oko iya kugcoba yonke imiti yehlati 13ebusweni bukayehova; ngokuba esiza, — ngokuba esiza kugweba umhlaba: uya kugweba ilizwe ngobulungisa, nezizwe ngenyaniso yake.
Currently Selected:
Amaculo 96: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
![None](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapistaging.com%2F58%2Fhttps%3A%2F%2Fweb-assets.youversion.com%2Fapp-icons%2Fxh.png&w=128&q=75)
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.
Amaculo 96
96
ICULO XCVI.
1VUMANI Kuyehova iculo elitsha; vumani Kuyehova, mhlaba wonke! 2Vumani Kuyehova, bongani igama lake; shumayelani usindiso lwake ngemihla ngemihla. 3Balisani ubungcwalisa bake pakati kwabaheyideni, imimangaliso yake pakati kwezizwe zonke. 4Ngokuba uyehova emkulu, ulungel’ ukudunyiswa kakulu; ulungel’ ukwoyikwa pezu kwotixo bonke. 5Ngokuba bonke otixo bezizwe bengamadalo; kanti uyehova walenza izulu. 6Ebusweni bake kuko udumo nobukulu; endaweni yake eyingcwele kuko amandla nenkazimlo.
7Nikelani kuyehova, zizukulwana zabantu! nikelani kuyehova ubungcwalisa namandla. 8Nikelani kuyehova ubungcwalisa begama lake; zisani umnikelo, ningene emakusini ake. 9Bedeshani uyehova ebuhleni bobungcwele; tutumelani pambi kwake, mhlaba wonke! 10Yitini pakati kwabaheyideni: Uyehova upete ngobukumkani. Ilizwe nalo liya kuqiniswa, lize lingabi nakushukunyiswa: uya kugweba izizwe ngokufanelekileyo.
11Malivuye izulu, ugcobe umhlaba; malugqume ulwandle, nokuzala kwalo; 12mazivuyelele izindle, nako konke okukuzo: oko iya kugcoba yonke imiti yehlati 13ebusweni bukayehova; ngokuba esiza, — ngokuba esiza kugweba umhlaba: uya kugweba ilizwe ngobulungisa, nezizwe ngenyaniso yake.
Currently Selected:
:
Qaqambisa
Share
Copy
![None](/_next/image?url=https%3A%2F%2Fimageproxy.youversionapistaging.com%2F58%2Fhttps%3A%2F%2Fweb-assets.youversion.com%2Fapp-icons%2Fen.png&w=128&q=75)