Isityilo sika‐Johane 13

13
1NDAZA ndema pezu kwentlabati yolwandle, ndabona ir̔amnco linyuka elwandle, linentloko zisixe̔nxe nempondo zilishumi, napezu kwempondo zalo ikrone zilishumi, napezu kwentloko zalo igama lokugxeka. 2Kekaloku ir̔amnco elo ndalibonayo libe lifana nengwe, nenyawo zalo zinjengezebere, nomlomo walo unjengomlomo wengonyama; yati ke yona inamba yalinika amandla ayo neterone yayo, negunya elikulu. 3Ndaza ndabona enye yentloko zalo njengokungati ibulalelwe ukufa; kanti inxeba lokufa lalo lapoliswa: wati wonke umhlaba walandela ir̔amnco elo ngokuti nqa. 4Baza bayibedesha inamba eyalinikayo ir̔amnco igunya: balibedesha ir̔amnco kanjalo, besiti: Ngubanina ofana ner̔amnco? ngubanina ongalwayo nalo? 5Kwaye kunikwa lona umlomo uteta izinto ezinkulu nezigxeko; lanikwa negunya lokuba lifeze inyanga zibe ngamashumi mane anambini. 6Laza lavula umlomo walo ukuteta ugxeko ngakuye utixo, ukuba ligxeke igama lake, netabanakele yake, nabo abahlala ezulwini. 7Kwanikwa lona kanjako ukuba lenze imfazwe nabo abangcwele, nokuba liboyise; lanikwa negunya pezu kwazo zonke izizwe, nenteto, nentlanga. 8Babeya kulibedesha bonke abemiyo pezu kwomhlaba, abamagama angaba̔lwanga encwadini yobomi yemvana ebingiweyo kwa sekumisweni kwelizwe. 9Osukuba enendlebe, makeve. 10Osukuba ehlanganisa amatinjwa, uya ekutinjweni; osukuba ebulala ngesiṙele, ufanele yena ukubulawa ngesiṙele. Nangu ke umonde nenkolo yabangcwele.
11Ndaza ndabona elinye ir̔amnco linyuka emhlabeni, elibe linempondo ezimbini zifana nezemvana, lateta njengenamba. 12Negunya lelokuqala ir̔amnco lonke liyalipata ebusweni balo; kanjalo liyenza umhlaba nabemiyo kuwo ukuba babedeshe ir̔amnco lokuqala, elo inxeba lokufa lalo lapoliswayo. 13Liyenza nemiqondiso emikulu, lide liwenze nomlilo uhle ezulwini uze emhlabeni pambi kwabantu. 14Liti kanjako libakohlise abemiyo pezu kwomhlaba, ngenxa yemiqondiso leyo lanikwayo ukuyenza ebusweni balo ir̔amnco; lisitsho kubo abemiyo pezu kwomhlaba, ukuba mabalenzele umfanekiso elor̔amnco elibe linalo inxeba lesiṙele, lapila noko. 15Kwaye kunikwa kulo ukuba linike umpefumlo kuwo umfanekiso wer̔amnco elo, ukuze ke wona umfanekiso wer̔amnco elo ube nokuteta, wenze nokuba abo basukuba bengabedeshi umfanekiso wer̔amnco babulawe. 16Kanjalo liyabenza ukuba bonke, abancinane nabakulu, nabazityebi nabangamahlwempu, nabakululekileyo namakonza, babekelwe upa̔u pezu kwesandla sabo sokunene, umhlaumbi pezu kwamabunzi abo; 17nokuba kungabiko mntu ongati atenge umhlaumbi atengele, kupela ngulowo unalo upa̔u olo, umhlaumbi igama ler̔amnco, umhlaumbi inani legama lalo. 18Nabu ke ubulumko. Lowo unokuqonda makabale lona inani ler̔amnco: ngokuba lilinani lomntu; kekaloku inani lalo lingamakulu matandatu anamashumi matandatu anesitandatu.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena