Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 12

12
1NDIYANIKUNGA ngoko, bazalwana! ngezibele zikatixo, ukubaniyimisele imizimba yenu ibe lidini elipilileyo, elingcwele, elikolekileyo kutixo, okusisikonzo senu esifanelekileyo: 2nize ningalinganisani nelilizwe likoyo, niti nibe nenziwe ngakumbi ngokuhlaziywa kwoluvo lwenu, ukuba niqiqe into iyiyo intando katixo elungileyo, ekolekieyo, efezekileyo.
3Ngokuba ndisiti, ngalo ufefe endanikwa lona, kubo bonke abakoyo pakati kwenu, mabangakumbuli ngokupezulu koko bafanele ukukumbula ngako, koko mabakumbule ngokutelekelela, njengokuba utixo wabele abanye ngabanye isilinganiselwa sokolo. 4Ngokuba kwa njengokuba sinawo amalungu amaninzi emzimbeni mnye, kanti amalungu akanawo umsebenzi mnye onke; 5kwa njalo tina, sibaninzi nje, singumzimba mnye ku‐Kristu, namalungu omnye nomnye ngabanye. 6Kekaloku sinazo izipiwo ngezipiwo ngowofefe esanikwa lona nje, nokuba bubuprofitesho, masoprofiteshe ngokwesaci sokolo lwetu; 7nokuba bubukonzi, masisebenze ebukonzini betu: nokuba ngofundisayo, makahlale ekufundiseni kwake; 8nokuba ngoyalayo, ekuyaleni kwake: owabayo, makenje njalo ngesisa; opatayo, ngokuku̔tala; owenza ngobubele, ngokucwayita.
9Utando lwenu malube lolungazenzisiyo. Zondani okukohlakeleyo; namatelani kokulungileyo. 10Ekutandeni abazalwana, yibani nobubele omnye kwomnye; ekubekeni, yenzani ngokupangelana; 11ekuku̔taleni, ninganqeni; zondelelani emoyeni; konzani enkosini; 12vuyani etembeni; nyamezelani ebunzimeni; zingisani ekutandazeni; 13yabelani intswelo zabangcwele; nxamelani imbuko yabasemzini. 14Tamsanqelisani abo banitshutshisayo: tamsanqelisani, ningqalekisi ke. 15Vuyani nabo bavuyayo, nilile nabo balilayo. 16Yibani nokuvumelana omnye nomnye. Ningamyamekeli izinto ezipakamileyo, niti nitobele kwezitobekileyo. Ningaziqa̔yiseli ngobulumko. 17Ningavuzi mntu ngobubi ngenxa yobubi. Yazalelelani izinto ezifaneleyo ebusweni babantu bonke. 18Ukuba kungenzeka, maniti okungecala lenu nixolane nabantu bonke. 19Ninggazipindezeleli ngokwenu, batandwa! niti ninike indawo kuwo umsindo; ngokuba kuba̔liwe ukuti: Kukokwam ukupindezela, kwobuyekezwa ndim; utsho uyehova. 20Ngako xeshekweni utshaba lwako lulambayo, lufunzele; xeshekweni lunxanwayo, luseze: ngokuba usenje njalo uya kufumba amalahle omlilo pezu kwentloko yalo. 21Ungoyiswa kokukohlakeleyo, uti ukwoyise okukohlakeleyo ngokulungileyo.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena