Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 9
9
1NDIYATETA inyaniso ku‐Kristu, andixoki, isazeliso sam sinqi̔nelana nam kumoya oyingcwele, 2ukuba ndinosizi olukulu, nendandateko engapeliyo entliziyweni yam: 3ngokuba bendinganqwenayo ukuba mna ngokwam bendiyinto eyahlukanisiweyo no‐Kristu ngenxa yabo abazalwana bam, izalamane zam ngokwenyama: 4abangama‐Sirayeli; ekukokwabo ubunyana, nobungcwalisa, nengcebano, nokunikwa kwomteto, nesikonzo, namadinga; 5abangababooyise, nokuvela kubo u‐Kristu ngokwenyama, ongutixo pezu kwonke, edumisekile ngonapakade. Amene.
6Kungenjengokungati ilizwi likatixo litshitshile. Ngokuba kungengabo bonke abavela ku‐Sirayeli, abango‐Sirayeli: 7kanjako, abalusapo bonke, ukuba beyinzalo ka‐Abrahame; koko kusitwa: Ku‐Yisake iya kubizwa inzalo yako. 8Oko kukuti, asi ngabalusapo lwenyama, abalusapo lukatixo; koko ngabalusapo lwedinga ababalelwa ukuba yinzalo. 9Ngokuba ilizwi ledinga leli lokuti: Ekutwaseni kwelixesha ndiya kuza, waeya kuti u‐Sara abe nonyana. 10Kungenjalo ke kodwa; koko kanjako nxa u‐Rebeka ebekaulile ngomnye, ngo‐Yisake ubawo wetu; 11ngokuba, abantwana bengekazalwanga, bengenzanga nto elungileyo nekohlakeleyo kanjalo, ukuze imvume katixo ngokwoqasho ibe nokuma, ingengemisebenzi, koko ingalowo ubizayo; 12bekutiwa kuye: Omkulu wokonza komncinane. 13Kwa njengokuba kuba̔liwe ukuti: u‐Yakobi ndamtanda, no‐Esau ndamtiya.
14Soti nina pofu? Kuko ukungalungisi kutixo na?
Kwanga kungebe njalo! 15Ngokuba esiti ku‐Mosesi: Ndoba netaṙu kosukuba endinetaṙu kuye, ndandiya kuba nenceba kosukuba endinenceba kuye. 16Ngako ke, asi kokwotandayo, asi kokwobalekayo kanjalo, koko kuko kukatixo owenza ngetaṙu. 17Ngokuba isiba̔lo sisiti ku‐Faro: Ndakuvusela kwa kona oku, ukuba kuwe ndibonakalise amandla am, nokuba igama lam lishunyayelwe emhlabeni wonke. 18Ngako ke, lowo atandayo, unetaṙu kuye; nalowo atandayo, uyamenza lukuni.
19Pofu wena woti kum: Usagungqela nina? ngokuba ngubanina omelana nentando yake?
20Hai gxebe, mntundini! ungubanina wena opind’ ukupendula kutixo? Into edaliweyo iya kutsho na koyidalileyo ukuti: Yinina ukuba wandenza ngokunjalo? 21Umbumbi akanamandla pezu kwodongwe na, ukuba ati ngesimba elikwa linye enze enye impahla ibe yenokubekwa, nenye ibe yengenakubekwa? 22Kodwa soti nina, ukuba utixo, etanda ukubonakalisa umsindo wake, nokuwazisa amandla ake, wazinyamezela ngokuzeka kade okukulu impahla zomsindo sezilungele intshabalalo: 23ukuze kanjalo abazise ubutyebi bobungcwalisa bake pezu kwempahla zetaṙu, abete kwa pambili wazilungisela ubungcwalisa, 24ate kanjako wazibiza, kwa tina, bekungekuwo ama‐Juda odwa, bekukubo abaheyideni nabo? 25Njengokuba kanjalo esiti kweka‐Hosheha: Ndiya kubiza ngabantu bam, abo bebengengabantu bam; nalowo ngotandiweyo, obengengotandiweyo: 26kwakuya kuti, endaweni apo bekutiwa kubo: Aningabo abantu bam; kwa kona baya kubizwa ngosapo lwotixo ohleliyo. 27Kanjako u‐Yisaya uyadanduluka ngo‐Sirayeli ukuti: Nangona inani losapo luka‐Sirayeli lingangentlabati yolwandle, sisisalela esiya kusindiswa: 28ngokuba esigqibela isibuzo, esifinyeza ebulungiseni; ngokuba isibuzo esifinyezekileyo eya kusenza uyehova emhlabeni. 29Nanjengokuba u‐Yisaya etshilo pambili ukuti: Ukuba uyehova wemikosi ubengasishiyelanga inzalo, ngesibe sinjenge‐Sodome, ngesibe sifaniswa ne‐Gomora.
30Soti nina ngoko? Siti abaheyideni, abebengaputumi ubulungisa, bafumana ubulungisa, kwa ubulungisa obungokolo. 31Kodwa o‐Sirayeli, beputuma umteto wobulungisa, abafikelela umteto wobungcwalisa. 32Nganina? Ngokokuba bekungengokolo, bekunjengokungati kungemisebenzi yomteto bebebuputuma: ngokuba baku̔bekayo ngakulo ilitye lokuku̔bekisa; 33njengokuba kuba̔liwe ukuti: Bona ke, ndiyabeka e‐Ziyone ilitye lokuku̔bekisa, nolwalwa lwokuwisa: kanjalo osukuba ekolwa kulo akayi kudaniswa.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 9: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: