U‐Rute 3
3
1WANDULA u‐Nahomi unondoda wake wati kuye: Ntombi yam! andiyi kufunela wena ukupumla na, ukuba kulunge kuwe? 2Kekaloku u‐Bohazi, ozicakazana zake ubunazo, akanguye umlamane wetu na? Bona ke, uya kwela iṙalasi esibayeni sokubula obubusuku. 3Uti ngoko uzihlambe, uzitambise, ufake izivato zako kuwe, uhlele esibayeni eso; kodwa ungazazisi kuyo indoda leyo, ingekagqibanga ukutya nokusela. 4Kwakuya kuti, nxa ilala pantsi, uze ugqale indawo apo iya kulala kona; uze ungene, uzihlube inyawo zayo, ulale pantsi; yaiya kukutyela into uya kuyenza. 5Wayesiti kuye: Konke okutetileyo ndiya kukwenza.
6Wasuka wehla waya esibayeni sokubula, wenza ngako konke abeyalelwe ngunondoda wake. 7Kekaloku u‐Bohazi watya wasela nokusela, wati yakucwayita intliziyo yake, waya kulala pantsi esipelweni somlu: waza wangena kakuhle, wazihluba inyawo zake, walala pantsi. 8Kwaye kute ebusuku obukulu, yetuka indoda leyo, yazijikisa: kekaloku nanku umfazi elele pantsi ezinyaweni zayo. 9Yasuka yati: Ungubanina wena? Wayesiti: Ndingu‐Rute isicakakazi sako; uze wandlale isondo lengubo yako pezu kwesicakakazi sako, ngokuba wena unguye umkululi. 10Yaza yati kuye: Mautanyusanqelwe nguyehova, ntombi yam! ububele bako bokupela ubulungisile pezu kwobokuqala, ekubeni ungawalandelanga amadodana, nokuba angamahlwempu nokuba azityebi. 11Ngako kaloku, ntombi yam! ungoyiki; konke okutshoyo ndiya kukwenzela kona: ngokuba sonke isixeko sabantu bam sisazi ukuba ungumfazi otembekileyo wena. 12Nakaloku, kuyinyaniso ukuba ndingumkululi: kodwa noko kuko umkululi okufupi pezu kwam. 13Lalisa apa obubusuku, kwakuya kuti kusasa, ukuba yena wokwenzela ngesiko lomkululi, kulungile; makenze ngesiko lomkululi: kodwa ukuba akatandi ukukwenzela ngesiko lomkululi, sendiya kukwenzela ngesiko lomkululi mna, njengokuba ehleli uyehova: lala pantsi kude kuse.
14Waza walala pantsi ezinyaweni zayo kwada kwasa; wabuya wesuka, omnye engekabi nakumazi omnye. Yaza yati: Makungaziwa ukuba kuke kweza umfazi esibayeni sokubula. 15Yati kanjalo: Ete ingubo yapezulu epezu kwako, uyibambe. Wayibamba ke: yaza yazilinganisa izilinganiso ezitandatu zeṙalasi, yazibeka pezu kwake; yasuka yaya esixekweni.
16Kekaloku akufika kunondoda wake, wati yena: Ungubanina, ntombi yam? Waza wamxelela konke ibimenzele kona londoda. 17Wati kanjalo: Ezi izilinganiso zitandatu zeṙalasi yazinika kum; ngokuba ibisiti kum: Ungayi ungenanto kunondoda wako. 18Waza wati: Hlala, ntombi yam! ude wazi ukuba yoti nina ukupela lendawo: ngokuba ingasayi kupumla indoda leyo, ingekagqibanga lendawo namhla.
Currently Selected:
U‐Rute 3: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: