KwabaseKorinte 1 KwabaseKorinte 1 – 4

KwabaseKorinte 1 – 4
1Makenjenjalo ke umntu ukucinga ngathi, athi singabakhonzi bakaKristu, athi singamagosa eemfihlelo zikaThixo. 2Ke kaloku ke, kufuneka kuwo amagosa, ukuba ulowo kuwo afumaneke ethembekile. 3Kum ke yeyona nto incinanana, ukuba ndincinwe nini, nayimini yamatyala yabantu; kodwa andizigwebi okwam, 4kuba andizazeleli, nto; noko andigwetyelwe, koko; ondincinayo ke yiNkosi. 5Ngoko ke, musani ukugweba nto phambi kwelona xesha, ide ifike iNkosi, eya kuthi izikhanyise nokuzikhanyisa izinto ezifihlakeleyo zobumnyama, iwabonakalalise amacebo entliziyo; andule ke ulowo nalowo abe nodumo oluvela kuThixo. 6Ezi zinto ke, bazalwana, ndizilinganisele ngam noApolo, ngenxa yenu; ukuze nifunde kuthi, ukuba masingacingeli mntu ngaphezu koko kubhaliweyo, ukuze kungabikho namnye uzikhukhumalisa ngakomnye ngenxa yomnye. 7Kuba ngubani na okubalulayo kwabanye? Yintoni na ke onayo ongayamkeliswanga? Phofu ke, ukuba wamkelisiwe, uqhayiselani na, ngathi akwamkeliswanga? 8Ngoku senihluthi, senizizityebi, nalawula ningenathi. Ndiyathanda ke ukuba kambe beningabalawuli, ukuze nathi silawule kunye nani. 9Kuba ngathi mna uThixo thina bapostile usivelise mva, sanga singabamiselwe ukufa; kuba sanekwe senziwa intlekisa kulo ihlabathi, nakwizithunywa zezulu, nakubantu. 10Thina siziziyatha ngenxa kaKristu, ke nina niziingqondi kuKristu; Thina sibuthathaka, ke nina nomelele; Nizukile, ke thina sideliwe. 11Kude kube ngoku silambile, sinxaniwe, sihamba ze, siyantlithwa, asinakhaya; 12Sibulaleka sisebenza ngezandla; xa sinyeliswayo, siyasikelela; sitshutshiswa, siyanyamezela; 13Sinyeliswa, siyakhala; senziwe inkunkuma yehlabathi, inkuthu yezinto zonke, unanamhla. 14Ezi zinto andizibhaleli ukuba nidane; ndiyaniluleka njengabantwana bam abathandekayo. 15Kuba ningafanelana ninabakhaphi bemawaka alishumi kuKristu, ababaninzi bona ooyihlo; kuba kuKristu Yesu nizelwe ndim lo, ngazo iindaba ezilungileyo. 16Ndiyaniyala ngoko, yibani ngabaxelisa mna. 17Ngenxa yoko ndinithumele uTimoti, ongumntwana wam oyintanda, othembekileyo, waseNkosini, oya kunikhumbuza iindlela zam ezikuKristu, njengoko ndifundisayo ezindaweni zonke, kuwo onke amabandla. 18Ke kaloku inxenye ithe yakhukhumala, ngathi andiyi kuza kuni. 19Ndiya kuza ke kuni kamsinya, ukuba iNkosi ithe yavuma, ukuze ndinganeli kukwazi ukuthetha kwabakhukhumeleyo, ndazi amandla abo. 20Kaloku ubukumkani bukaThixo abusekuthetheni, busemandleni. 21Nifuna ntoni na? Ndoza kuni ndinoswazi, kuko ukuza ndinothando, nomoya wobulali?

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena