KwabaseKorinte 1 KwabaseKorinte 1 – 6

KwabaseKorinte 1 – 6
1Nabani na kuni othi, xa athe wamangalela omnye, makaye kumangala phambi kwabangemalungisa, kungabi phambi kwabangcwele? 2Anazi na, ukuba abangcwele aba baya kuligweba ihlabathi? Ukuba ke ihlabathi ligwetywa phambi kwenu, anikufanele na ukuwathetha awona mancinanana amatyala? 3Anazi na, ukuba siya kugweba izithunywa zezulu? Kobeka phi na ke kwizinto zobu bomi? 4Xa sukuba ke ngoko nisiya ematyaleni ngezinto zobu bomi, nimisa abo bangento kulo ibandla, ukuba kugwebe bona na? 5Nditsho ukuba nidane. Akukho silumko na phakathi kwenu? Akukho namnye unako ukugweba phakathi kwabazalwana bakhe? 6Kodwa umzalwana umangalela umzalwana, naphambi kwabangakholwayo. 7Kaloku ngoku ke ninesono na phakathi kwenu, ukuba niyamangalelana. Yini na ukuba ningathi kanye nimeneze? Yini na ukuba ningavumi kanye? 8Nisuka nina none abanye, nilumkise, nako oko nibe nikwenza kubazalwana. 9Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nabafeba, nabakrexezi 10Kwanamasela, namabawa, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo. 11Naye ninjalo ke inxenye yenu; kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo, kuloko nagwetyelwayo egameni leNkosi uYesu, nangoMoya kaThixo wethu. 12Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke. Zonke izinto zivumelekile kum, noko asindim oya kubekwa phantsi kwagunya lelayiphi; 13izidlo zezesisu, nesisu sesezidlo; kodwa uThixo uya kubhangisa kokubini, sona nazo. Ke wona umzimba asingowombulo, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba. 14uThixo ke wayivusayo iNkosi, uya kusivusa nathi ngamandla akhe. 15Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu kaKristu? Ndiya kuthi na ke, ndiwathabathe amalungu kaKristu lowo, ndiwenze amalungu ehenyukazi? Makube lee oko. 16Yintoni na? Anazi na, ukuba onamathele kulo ihenyukazi, umzimba mnye nalo? Kuba babini, utsho, baya kuba nyama-nye. 17Ke onamathele eNkosini, umoya mnye nayo. 18Wubalekeni umbulo. Zonke izono athe umntu wazenza, zingaphandle komzimba; ke yena owenza umbulo, wona owakhe umzimba. 19Yintoni na? Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu? 20Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena