KwabaseTesalonika 1 KwabaseTesalonika 1 – 5
KwabaseTesalonika 1 – 5
1Ke kaloku ngawo amaxesha namathuba, bazalwana, akufuneki nganto ukuba ndinibhalele; 2kuba nani ngokwenu niyazi ngokucacileyo, ukuba imini yeNkosi, njengesela ebusuku, yenjenjalo ukuza kwayo. 3Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba; oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kusinda. 4Ke nina, bazalwana, ànisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela. 5Nina nonke ningoonyana bokukhanya, ningabantwana bemini; asingabobusuku, asingabobumnyama. 6Ngoko masingalali, njengabanye aba; masiphaphe sibe ziingcathu. 7Kuba abaleleyo balala ebusuku; nabanxilayo banxila ebusuku. 8Ke thina bangabemini masibe ziingcathu; masinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando; nesigcina-ntloko esilithemba losindiso. 9Kuba uThixo akasimiselanga ngqumbo; usimisele ukuzuza usindiso ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu; 10owasifelayo, ukuze nokuba sihleli, nokuba silele, sidle ubomi kwakunye naye. 11Kungoko ndithi, Thuthuzelanani, nakhane, kwanjengokuba nisenjenjalo. 12Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ukuba nibazi ababulalekayo phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo, 13nibabeke ngokugqithiseleyo kakhulu ukubathanda, ngenxa yomsebenzi wabo. Hlalani ngoxolo phakathi kwenu. 14Siyanicela ke, bazalwana, bakhalimeleni abanxaxhayo, bathuthuzeleni abathambileyo; 15Lumkani, kungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi nakubani; hlalani niphuthuma okulungileyo omnye komnye, nakubantu bonke. 16Vuyani amaxesha onke; 17Thandazani ningaphezi; 18Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani. 19Musani ukuwucima uMoya; 20Iziprofeto musani ukuzenza into engento. 21Zicikideni zonke izinto; nibambe leyo intle. 22Khumkani kuzo zonke iintlobo zenkohlakalo. 23Wanga ke uThixo woxolo ngokwakhe anganingcwalisa niphelelisekile; uthi, ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba, ugcinwe ngokungenakusoleka ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu. 24Uthembekile onibizayo, oya kukwenza nokukwenza oko. 25Mawethu, sithandazeleni. 26Babuliseni abazalwana bonke ngolwango olungcwele. 27Ndiyanifungisa iNkosi ukuba le ncwadi ileswe kubo bonke abazalwana abangcwele. 28Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani. Amen. (Incwadi yokuqala eya kwabaseTesalonika yabhalwa eAtene.)
Currently Selected:
KwabaseTesalonika 1 KwabaseTesalonika 1 – 5: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: