KuTimoti 1 KuTimoti 1 – 3
KuTimoti 1 – 3
1Lithembekile ilizwi eli lithi, Ukuba ubani ungxamele ubuveleli, unqwenela umsebenzi omhle. 2Umveleli ngoko umelwe kukuthi abe ngongenakukhalazelwa, eyindoda yamfazi mnye, eyingcathu, enesidima, ezibekile, ebuka iindwendwe, enokufundisa; 3Engasengazilahleli kwiwayini, engengomntu unxanela inzuzo embi; Uzeke kade umsindo, angabi ngolwa, angabi ngabawa; 4eyongamele kakuhle eyakhe indlu, abantwana bakhe bemthobele, benokundileka konke. 5(Kuba ukuba umntu akakwazi ukuyongamela eyakhe indlu, angathini na ukuphatha ibandla likaThixo?) 6angabi ngosandula ukuvela, hleze akhukhumele, awele ekugwetyweni nguMtyholi. 7Ngaphezu koko ke umelwe kukuthi abe nobungqina obuhle obuvela kwabangaphandle; hleze awele engcikivweni nasesibatheni soMtyholi. 8Kwangokunjalo abalungiseleli bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ntlolela yombini, bangazinikeli kwiwayini eninzi, bangangxameli nzuzo imbi; 9mababe nemfihlo yokholo esazeleni esihlambulukileyo. 10Nabo aba ke mabacikidwe kuqala; mabandule ke benze umsebenzi wobudikoni, bengenakusoleka. 11Kwangokunjalo abafazi bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ngabahlebi; mababe nesidima, bathembeke ezintweni zonke. 12Abalungiseleli mababe ngamadoda abafazi ngabanye, besongamela kakuhle abantwana nezindlu ezizezabo. 13Kuba abo balungiselela kakuhle bazizuzela isimo esihle, nokungafihlisi okukhulu ekukholweni kuKristu Yesu. 14Ezi zinto ndizibhala kuwe, ndithembe ukuba ndiya kuza kuwe kamsinya. 15Ukuba ke ndithe ndalibala, ndikubhalela ukuze wazi, ukuba kumelwe kukuthiwani na ukuhanjwa endlwini kaThixo, yona ilibandla likaThixo ophilileyo, intsika nesiseko sayo inyaniso. 16Kananjalo, ngokuvunyiweyo, inkulu imfihlelo yona leyo yokuhlonela uThixo: wabonakalaliswa esenyameni, wagwetyelwa esemoyeni, wabonakala kwizithunywa zezulu, wavakaliswa phakathi kweentlanga, kwakholwa kuye ehlabathini, wenyuswa waba sebuqaqawulini.
Currently Selected:
KuTimoti 1 KuTimoti 1 – 3: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: