KwabaseKorinte 2 KwabaseKorinte 2 – 10

KwabaseKorinte 2 – 10
1Ke kaloku, ndiyaniyala ngabo ubulali nokuthantamisa kukaKristu, mna Pawulos ngokwam, ndingothobekileyo kambe phakathi kwenu, ndakuba ndingekho ndiba nobuganga ngakuni; 2Ndiyakhunga ke, ukuze ndingathi, ndakuba ndikho, ndibe nobugagu ngoko kukholosa, ndiba ndoba nobuganga ngako kubo abathile, ababa sihamba ngokwenyama; 3Kuba noko sihamba sisenyameni, asiphumi mkhosi ngokwenyama; 4(Kuba izixhobo zethu zemfazwe ayizizo ezenyama, kodwa ngaye uThixo zinamandla okuwisa iinqaba;) 5siwisa ngazo nje amabhongo, nayo yonke into ephakamileyo, eziphakamisayo ngokuchasa ukwazi uThixo; iingqiqo zonke sizithimbela ekumlulameleni uKristu; 6sikulungele ukuphindezela konke ukungathobeli, kwakufika ukululama kwenu. 7Izinto nizikhangela ngokwembonakalo yangaphandle na? Ukuba umntu ukholose ngokuthi ungokaKristu, makabuye acinge oku ngokwakhe, ukuba njengokuba engokaKristu yena, ngokunjalo singabakaKristu thina. 8Kuba, naxa bendingathi ndigqithisele ukuqhayisa ngalo igunya lethu, esalinikwayo yiNkosi ukuba sinakhe, singanichithi, bendingedaniyo; 9ukuze ndingangi ndifuna ukunoyikisa ngazo iincwadi ezi; 10Kuba kuthiwa, iincwadi zakhe zinzima, zinamandla; kodwa ubukho bakhe ngenyama bubuthathaka, nokuthetha kwakhe akunto yanto. 11Onjalo ke makacinge le nto: njengoko sithetha ngako ngeencwadi, sakuba singekho, sikwanjalo ngawo umsebenzi, sakuba sikho. 12Kuba asinabuganga bakuzibalela nakuzifanisa nabo abathile abaziyalezayo; 13Ke thina asisayi kuqhayisa sigqithise emlinganiselweni; soqhayisa ngokomlingani selo womda esiwabelwe nguThixo, ukuba ube ngumlinganiselo oya kufikelela nakuni. 14Kuba asizoluli ngokugqithiseleyo, ngathi asifikanga kuni; 15Singaqhayisi sigqithise emlinganiselweni ngokubulaleka kwethu abanye; ke sinethemba, lwakukhula ukholo lwenu, siya kwenziwa bakhulu phakathi kwenu ngokomda wethu, ngokugqithiseleyo; 16side sizishumayele iindaba ezilungileyo ezindaweni ezingaphaya kwenu; singaqhayisi ngesilinganiselo somnye, ngezinto ke esezilungisiwe. 17Oqhayisayo ke makaqhayise ngeNkosi. 18Kaloku oyena ucikidekileyo asingoziyalezayo, ngoyalezwa yiNkosi.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena