KwabaseKorinte 2 KwabaseKorinte 2 – 12

KwabaseKorinte 2 – 12
1Ukuqhayisa okunene akundilungele; Ndiya kuza kwimibono nezityhilelo zeNkosi. 2Ndazi umntu okuKristu, ekusekuyiminyaka elishumi elinamine (enoba ubesemzimbeni na andazi, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo), ethe lowo waxwilwa, wada wasiwa nakwelesithathu izulu. 3Ndamazi ke umntu onjalo (nokuba ubesemzimbeni na, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo); 4okokuba waxwilwa wasiwa eParadisi, weva amazwi angenakuthethwa, ekungavumelekileyo ukuba umntu awathethe. 5Onjalo ke ndiya kuqhayisa ngaye, kodwa andiyi kuqhayisa ngokwam nganto ikum; ingaba kungokuswela kwam amandla kodwa. 6Kuba xa bendingathi ndithande ukuqhayisa, bendingayi kuba ndiswele ukuqonda, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso; kuba ndiya kuthetha inyaniso; kodwa ndiyayeka, ukuze kungabikho bani ucinga ngam ngaphezu koko abona ndikuko, athi mhlawumbi akuve kum. 7Kwathi, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu ngenxa yezityhilelo eziyincamisa, ndanikwa uviko enyameni, isithunywa sikaSathana, ukuze sindintlithe, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu. 8Ndayibongoza kathathu iNkosi ngaso isithunywa eso, ukuba sisuke kum. 9Ithe yona kum, Ubabalo lwam lukwanele; kuba amandla am azalisekiswa ekuswelekeni kwamandla. Ngoko ke sendiya kuqhayisa kamnandi kakhulu ngokuswela kwam amandla, ukuze ahlale phezu kwam amandla kaKristu. 10Kungoko ndikholisiweyo kukuswela amandla, kukuphathwa kakubi, ziingxakeko, ziintshutshiso, ziingxinano, ngenxa kaKristu; kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla. 11Ndisuke ndaba sisidenge ngokuqhayisa; Nindinyanzelile nina; kuba mna ndibe ndifanele ukuyalezwa nini; kuba andisilelanga nganto kwabona bapostile baziincamisa, nakuba ndingento yanto. 12Imiqondiso yokuba ngumpostile, inene, yasetyenzwa phakathi kwenu ngokunyamezela konke, ngemiqondiso, nezimanga, nemisebenzi yamandla. 13Kaloku yintoni na enasilela ngayo kwamanye amabandla kaThixo, ingekukuba mna ngokwam ndingabanga mthwalo kuni? ndixoleleni ngobugwenxa bam. 14Yabonani, sendilungele ukuza kuni okwesithathu; ndaye ndingayi kuba mthwalo kuni; kuba andifuni zinto zenu, ndifuna nina; kuba asingabantwana abafanele ukuqwebela abazali, ngabazali abafanele ukuqwebela abantwana. 15Mna ke, kuya kuba mnandi kakhulu ukuba ndichithe, ndidleke kuphele, ngenxa yemiphefumlo yenu; nakuba okukhona ndinithanda kakhulu, kokukhona ndithandwa kancinane. 16Kungade kube kunjalo, mna kambe andibanga mthwalo kuni; mandibe, ndinobuqhetseba nje, ndisuke ndanibambisa ngenkohliso. 17Kukho mntu na ke kwabo ndabathumayo kuni, endanidlayo ngaye? 18Ndamyala uTito, ndathuma umzalwana lowo kunye naye. Wanidla na ke uTito? asihambanga ngamoya mnye na? Asihambanga ngamanyathelo mnye na? 19Niyawaseniba siyaziphendulela kusini na kuni? sithetha phambi kukaThixo, sikuKristu; sisuke senze izinto zonke, zintanda, ngenxa yokwakheka kwenu. 20Kuba ndiyoyika, hleze ndithi ndakufika, ndinifumane ningenjengendikuthandayo, ndifunyanwe kuni ndingenjengenikuthandayo; hleze kubekho iimbambaniso, amakhwele, imisindo, amayelelwano, intlebendwane, iintsebenzo, ukudumba, iziphithiphithi: 21hleze ndithi, ndakuba ndifikile, andithobe uThixo wam phakathi kwenu, ndize ndikhedame ngenxa yabaninzi asebebonile, abaguquka ekungcoleni, nasembulweni, naseburheletyweni ababenzayo.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena