iZenzo iZenzo 26
iZenzo 26
1Wathi ke uAgripa kuPawulos, Uvunyelwe ukuba uziphendulele. Wasolula ke isandla uPawulos, waziphendulela; 2Ndiba onoyolo, kumkani Agripa, ngokuba ndiza kuziphendulela namhlanje phambi kwakho, ngazo zonke iindawo endimangalelwe ngazo ngamaYuda; 3ngokukodwa ekubeni unolwazi ngawo onke amasiko neembuzwano zamaYuda. Kungoko ndiyakubongoza ukuba undive, undinyamezele. 4Indlela endandiphila ngayo kwasebuncinaneni bam, eyayikho ekuqaleni kohlanga lwakowethu eYerusalem, ayawazi onke amaYuda. 5Endaziyo kwasekuqalekeni, ukuba angathanda ukungqina, ukuba, ngelona licokisekileyo ihlelo lonqulo lwakowethu, ndahlala ndingumFarisi. 6Ngoku ke ndimi ndigwetyiwe, ngenxa yethemba ledinga elenziwa nguThixo koobawo; 7ezithembe ukufika kulo izizwe zakowethu ezilishumi elinazibini, zimkhonza nje uThixo ngenyameko imini nobusuku; Elo themba elo ndimangalelwe ngamaYuda, kumkani Agripa. 8Yini na ukuba nithi, yinto eningenakukholwa yiyo, ukuba uThixo uyabavusa abafileyo? 9Mna okunene ke bendiba nam ngokwam, ndimelwe kukukwenza izinto ezininzi ezichasene negama likaYesu waseNazarete. 10Endakwenzayo ke oko eYerusalem; nento eninzi yabangcwele ndayitshixela ezintolongweni, ndakuba ndamkele igunya kubabingeleli abakhulu; kwaye xa bebulawa, ndakhupha ilizwi lam ngokuchasene nabo. 11Nakuzo zonke izindlu zesikhungu ndibe ndibohlwaya futhi, ndibanyanzela ukuba banyelise; ndathi, ndibagezela ngokuncamisileyo, ndabatshutshisa, ndada ndesa kwimizi engaphandle. 12Endathi ke, xa ndisiya eDamasko, ndinegunya nomyalelo kubabingeleli abakhulu; 13Emini enkulu endleleni, kumkani, ndabona ukukhanya kuvela ezulwini, okungaphezu kokuqaqamba kwelanga, kundibanekela ngeenxa zonke, nabo babehamba nam. 14Sakubon’ ukuba siwile sonke emhlabeni, ndeva izwi lithetha nam ngentetho yesiHebhere, lisithi, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na? wenzakala, ukhaba iimviko nje. 15Ndathi ke mna, Ungubani na, Nkosi? Wathi ke yena, Mna ndinguYesu omtshutshisayo wena. 16Kodwa sukuma, ume ngeenyawo; kuba ndibonakele kuwe ngenxa yoku, ukuze ndikwenze umlungiseleli nengqina lezi zinto uzibonileyo, nendiya kubonakala kuwe ngazo; 17ndikuhlangula ebantwini nasezintlangeni, endikuthumela kuzo ngoku; 18ukuba uvule amehlo abo, ukuze babuye ebumnyameni, beze ebumhlotsheni; babuye egunyeni likaSathana, beze kuThixo; ukuze bamkele uxolelo lwezono, nelifa phakathi kwabangcwalisiweyo, ngokukholwa kum. 19Kuthe ngoko, kumkani Agripa, andibanga ngongawuthobeliyo umbono wasemazulwini; 20ndesuka ndababikela abaseDamasko kuqala, nabaseYerusalem, nakulo lonke ilizwe lakwaYuda, nakuzo iintlanga, ukuba baguquke babuyele kuThixo, benze imisebenzi efanele inguquko. 21Ngenxa yezi zinto amaYuda andibamba etempileni, azamela ukundibulala. 22Ngoko ndizuze uncedo kuThixo nje, ndihleli kwada kwayile mini, ndingqina kwabancinane kwanabakhulu, ndingathethi nanye into ngaphandle kwezo, bathi abaprofeti noMoses ziya kubakho; 23zokuba uKristu ubeza kuva iintlungu, nokuba ubeza kuthi, engowokuqala eluvukweni lwabafileyo, azise ukukhanya ebantwini nasezintlangeni. 24Ke kaloku, akubon’ ukuba uyaziphendulela ngokunjalo, uFesto wathi ngezwi elikhulu, Uyageza, Pawulos; imfundo eninzi iyakugezisa. 25Wathi ke yena, Andigezi, Festo odumileyo; kodwa ndithetha amazwi enyaniso nawengqondo ephilileyo. 26Kuba ezo ndawo uyazazi kakuhle ukumkani, endithetha kuye ngokungafihlisiyo; kuba ndikholosekile kukuba akukho nanye yezi zinto ifihlakeleyo kuye; kuba le nto ibingenzelwanga egumbini. 27Uyakholwa na, kumkani Agripa, ngabaprofeti? Ndiyazi ukuba uyakholwa. 28Wathi ke uAgripa kuPawulos, Ngokuncinane undeyisela ukuba ndibe ngumKristu. 29Wathi uPawulos, Ndithandaza kuThixo, ukuba ingabi nguwe wedwa, ibe ngabo bonke abandivayo namhlanje, abaya kuthi, nangokuncinane nangokukhulu, babe njengam nje, ngaphandle kwezi ntambo. 30Akuba etshilo, besuka ukumkani, nerhuluneli, noBhernike, kwanababehleli nabo; 31beshenxile, bathetha bodwa besithi, Lo mntu akenze nanye into elingene ukufa neentambo. 32Wathi ke uAgripa kuFesto, Lo mntu ange enokukhululwa, ukuba ubengabhenele kuKesare.
Currently Selected:
iZenzo iZenzo 26: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: