iZenzo iZenzo 28
iZenzo 28
1Bakuba besindile, baqala ukuqonda ukuba isiqhithi eso kuthiwa yiMelita. 2Amabharbhari ke lawo asenzela ububele obungasincinane; kuba aphemba umlilo, asamkela sonke ngenxa yemvula esifikeleyo, nangenxa yokubanda. 3Ke kaloku, akubon’ ukuba uPawulos utheze inyanda yeentsasa, wayibeka phezu komlilo, kwaphuma inyoka ebushushwini obo, yanamathela esandleni sakhe. 4Athe ke amabharbhari, akulibona irhamncwa lijinga esandleni sakhe, athi omnye komnye, Kanene lo mntu ungumbulali, nakuba esindile elwandle, impindezelo ayimvumeli ukuba adle ubomi. 5Lalivuthululela emlilweni irhamncwa, akeva kwenzakala. 6Ke bona babelinde ukuba uza kudumba, mhlawumbi athi qwaka, afe. Bakulinda ke umzuzwana, bakubona ukuba akahliwa nto, bajika bathi unguthixo. 7Ke kaloku, kuloo mmandla bekukho imihlaba yomntu omkhulu wesiqithi, ogama linguPubliyo; owasamkela ngobubele, wasenza undwendwe lwakhe iintsuku zantathu. 8Ke kaloku kwathi, uyise kaPubliyo wayelele phantsi ebanjwe yicesina nokuphalaza igazi; awathi uPawulos wangena kuye, wathandaza, wabeka izandla phezu kwakhe, wamphilisa. 9Kwakuba kusenzeka oko, beza nabanye ababenezifo esiqithini apho, baphiliswa; 10bathi bona basenzela iimbeko ezininzi; sanduluka, basithwalisa ngezinto esizisweleyo. 11Ke kaloku, emva kweenyanga ezintathu, sanduluka ngomkhombe wakwa-Alesandire, obudlulise ubusika esiqithini, ogama linguCastor noPoluks. 12Sathi sakufika eSirakusi, sahlala khona iintsuku zantathu. 13Sisuka khona sajikeleza, safika eRegiyo; kwakuba ntsuku mnye, kwavuthuza umoya wasezantsi, safika ngengomso ePotiyoli; 14Safumana abazalwana apho, basibongoza ukuba sihlale nabo iintsuku zibe sixhenxe; seza ngokunjalo eRoma. 15Bathe, bakukuva oko abazalwana, beza kusikhawulela, bada beza kufika kwintlanganiso ka-Apiyo naseTavene-Ntathu; awathi uPawulos, akubabona, wambulela uThixo, womelela. 16Ke kaloku, sakufika eRoma, umthetheli-khulu wabanikela ababanjwa kumthetheli-mkhosi, kodwa uPawulos wavunyelwa ukuba ahlale yedwa, nesoldati elimgcinayo. 17Ke kaloku kwathi, emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wababizela ndawonye abaziintloko bamaYuda, ababebuthelene, wathi kubo, Madoda, bazalwana, nakuba ndingenzanga nto ichasene nabantu, namasiko awobawo, noko ndesuka ndaba ngumbanjwa eYerusalem, ndanikelwa ezandleni zamaRoma. 18Athe wona akundincina, afuna ukundikhulula, ngenxa yokuba kungekho tyala lakufa kum. 19Athe ke amaYuda akuphika, ndanyanzeleka ukuba ndibhenele kuKesare; kungengakuba ndibe ndibe ndilumangalela ngako uhlanga lwakowethu. 20Ndinibongoze ke ngenxa yeso sizathu ukuba nize, ndinibone, ndithethe nani, kuba ngenxa yethemba lakwaSirayeli ndikhonkxiwe ngalo mxokelelwane. 21Bathe ke bona kuye, Thina asizuzanga zincwadi zithetha ngawe, zivele kwelakwaYuda; kananjalo akufikanga bani wakubazalwana, owabika, wathetha nto ikhohlakeleyo ngawe. 22Sithanda ukuva ngawe, ukuba ucinga ntoni na; kuba ngalo eli hlelo siyazi ukuba lichasiwe ezindaweni zonke. 23Ke kaloku, bakummisela imini, kweza kuye into eninzi endlwini abehlala kuyo, wabatyhilela; awabacaciselayo, ebungqinela ubukumkani bukaThixo, ebebeyisela kokungoYesu, ethabatha emthethweni kaMoses kwanakubaprofeti, ethabathela kusasa kwada kwahlwa. 24Inxenye ke yakholwa zizo zinto, yaza inxenye ingakholwa. 25Bakuba bengavumelananga bodwa, bemka, akuba uPawulos ethethe ilizwi lalinye, wathi, uMoya oyiNgcwele wathetha kakuhle ngoIsaya umprofeti, koobawo bethu, 26esithi, Hamba uye kwaba bantu, uthi, Ukuva oku niya kuva, ningaqondi; nokubona niya kubona, ningaqiqi; 27Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba, Beva ngeendlebe ezithe nkqi, Bayawacima namehlo abo; hleze babone ngamehlo, beve ngeendlebe, baqonde ngentliziyo, bajike, ndibaphilise. 28Makwazeke ngoko kuni, ukuba usindiso lukaThixo luthunyelwe kuzo iintlanga; ziya kuluva zona. 29Akuba ezithethile ezi zinto, emka amaYuda, eneempikiswano ezinkulu phakathi kwawo. 30uPawulos wahlala iminyaka emibini iphela kweyakhe indlu ayiqeshileyo, wabamkela bonke ababesiza kuye, 31ebuvakalisa ubukumkani bukaThixo, efundisa iindawo ezingeNkosi uYesu Kristu ngako konke ukungafihlisi, engalelwa bani.
Currently Selected:
iZenzo iZenzo 28: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: