iZenzo iZenzo 8
iZenzo 8
1Waye ke uSawule ekuthakazela ukufa kwakhe. Ke kaloku kwehla ngelo xesha intshutshiso enkulu phezu kwalo ibandla eliseYerusalem; baye bonke baba ziintsali kulo lonke ilizwe lakwaYuda nelaseSamariya, kwasala abapostile bodwa. 2Aza amadoda amoyikayo uThixo amngcwaba uStefano, amenzela isijwili esikhulu. 3Waye ke uSawule elidlavula ibandla, engena kwizindlu ngezindlu, erhola amadoda kwanabafazi, ebafaka entolongweni. 4Bona ke ngoko ababeziintsali batyhutyha ilizwe, beshumayela iindaba ezilungileyo zelizwi. 5Wehla ke uFilipu, waya emzini welaseSamariya, wamvakalisa kubo uKristu. 6Zaye izihlwele zizinyamekela ngamxhelo mnye izinto ezibe zithethwa nguFilipu, ekuyiveni nasekuyiboneni kwazo imiqondiso abeyenza. 7Kuba oomoya abangcolileyo babephuma kwinto eninzi ebinabo, bebhomboloza ngezwi elikhulu; yathi ke into eninzi enedumbe neziziqhwala yaphiliswa. 8Kwabakho uvuyo olukhulu kuloo mzi. 9Ke kaloku bekukho ndoda ithile, kuthiwa nguSimon, eyayifudula ithakatha kuloo mzi, ibetha abantu baseSamariya, isithi yona ngokwayo inguthile omkhulu; 10ababeyiphulaphula bonke, bethabathela komncinane besa komkhulu, besithi, Lo ungamandla kaThixo amakhulu. 11Baye ke bemphulaphula, ngenxa yokuba ixesha elide wabetha bee nqa ngobunyangi bakhe. 12Xenikweni ke bakholwayo nguFilipu, eshumayela iindaba ezilungileyo zezinto zobukumkani bukaThixo, nezegama likaYesu Kristu, babhaptizwa amadoda kwanabafazi. 13Naye uSimon wakholwa, waza akuba ebhaptiziwe, wahlala enoFilipu. Wamangaliswa yimimangaliso nemiqondiso eyayisenzeka. 14Ke kaloku, bakuva abapostile ababeseYerusalem ukuba abaseSamariya balamkele ilizwi likaThixo, bathumela kubo uPetros noYohane; 15abathi bona bakuhla, babathandazela, ukuba bamkele uMoya oyiNgcwele; 16(Kuba ebengekaweli namnye kubo; babebhaptizwe nje egameni leNkosi uYesu.) 17Baza bababeka izandla, bamamkela ke uMoya oyiNgcwele. 18Uthe ke uSimon, akubona ukuba ngokubekwa kwezandla zabapostile uyanikwa uMoya oyiNgcwele, wezisa kubo imali, 19esithi, Ndinikeni nam eli gunya, ukuze lowo, ndithe ndazibeka izandla phezu kwakhe, amkele uMoya oyiNgcwele. 20Uthe ke uPetros kuye, Isilivere yakho mayiye kutshabalala nawe; ngokuba ubusiba isipho sikaThixo singazuzwa ngemali. 21Akunasabelo naqashiso kulo mbandela, kuba intliziyo yakho ayithe tye emehlweni kaThixo. 22Guquka ngoko kobo bubi bakho, ukhunge kuThixo, ukuba ingathi mhlawumbi ixolelwe ingcingane yentliziyo yakho. 23Kuba ndiyabona ukuba usenyongweni yobukrakra, nasentanjeni yentswela-bulungisa. 24Waphendula ke uSimon wathi, Ndikhungeleni nina eNkosini, ukuze ndingahlelwa nanye yezo zinto nizithethileyo. 25Bona ke, bakuba beqononondisile, belithetha ilizwi leNkosi, babuya beza eYerusalem; kanjalo imizi emininzi yelaseSamariya bayishumayeza iindaba ezilungileyo. 26Ke kaloku kwathetha isithunywa seNkosi kuFilipu, sisithi, Suka usinge ezantsi, ngendlela ehla ivela eYerusalem, eya eGaza, yona iyintlango. 27Wesuka ke, wahamba, kwaye kukho indoda engumTiyopiya, ithenwa, igunya likaKandase ukumkanikazi wamaTiyopiya, eliphethe bonke ubutyebi bakhe, elibe lize kunqula eYerusalem; 28Yayibuya ke, ihleli enqwelweni yayo, ilesa incwadi yomprofeti uIsaya. 29Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo. 30Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya, wathi, Uyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo? 31Ithe ke yona, Ndingaba nako ngani na, kungekho undikhokelayo nje? Kanjalo yamcela uFilipu ukuba akhwele ahlale nayo. 32Ke kaloku indawo yesibhalo eyayilesa yona ibisithi, Njengemvu esiwa ekuxhelweni; nanjengemvana esisimumu phambi komchebi wayo, wenjenjalo ukungawuvuli umlomo wakhe. 33Ekuthotyweni kwakhe umgwebo wakhe wasuswa. Ngubani na ke owosixela isizukulwana sakhe? ngokuba buyasuswa ubomi bakhe emhlabeni. 34Laphendula ke ithenwa lathi kuFilipu, Ndiyakukhunga, umprofeti lo uyithetha ngabani na le nto; Ithetha yena, okanye mntu wumbi? 35Wawuvula ke uFilipu umlomo wakhe, eqalela kweso sibhalo, walishumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu. 36Ke kaloku, xa babehamba ngendlela, bafika manzini athile; lathi ithenwa, Nanga amanzi; Kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa? 37Uthe ke uFilipu, Ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho iphela, kuvumelekile. Waphendula ke wathi, Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguye uNyana kaThixo. 38Lathi mayime inqwelo; behla bobabini, baya emanzini, uFilipu kwanethenwa; wambhaptiza. 39Xeshikweni ke babenyukile, baphuma emanzini, uMoya weNkosi wamthi xwi uFilipu; alaba sambona ithenwa, kuba lalihamba ngeyalo indlela livuya. 40uFilipu ke wafunyanwa eAzoto, wayityhutyha imizi yonke, wayishumayeza iindaba ezilungileyo, wada wafika eKesareya.
Currently Selected:
iZenzo iZenzo 8: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: