KumaHebhere KumaHebhere 11
KumaHebhere 11
1Ukholo ke kukukholosa ngezinto ezithenjiweyo; kukweyiseka bubukho bezinto ezingabonwayo. 2Kuba amanyange angqinelwa ngokuba nalo. 3Ngokholo siyaqonda ukuba indalo le yonke yenziwe yabakho ngelizwi likaThixo, ukuze izinto ezi zibonwayo zibe aziphume kwezibonakalayo. 4Ngokholo uAbheli wasondeza kuye uThixo umbingelelo ogqithileyo kunokaKayin, awangqinelwa ngawo ukuba ulilungisa, uThixo wayingqinelayo nje iminikelo yakhe; ngalo ke, efile nje, usathetha. 5Ngokholo uEnoki wafuduselwa emazulwini ukuba angaboni kufa; akaba nakufunyanwa ke, ngenxa enokuba uThixo wamfudusayo; kuba ngaphambi kokufuduswa kwakhe, wangqinelwa ukuba umkholise kakuhle uThixo. 6Ke, lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo. 7Ngokholo uNowa, ehlatyelwe nguThixo ngazo izinto ebezingekabonwa, wathi ngokoyika uThixo wawakha umkhombe wokusindisa indlu yakhe, athe ngalo waligweba ihlabathi, waba yindlalifa yobulungisa obungokokholo. 8Ngokholo uAbraham wathi, akubizwa, Wakululamela ukuba aphume, aye kuloo ndawo abeza kuyamkela ukuba ibe lilifa; waphuma engazi apho aya khona. 9Ngokholo waba ngumphambukeli emhlabeni wedinga, wanga ukowasemzini, ehleli eminqubeni, ndawonye noIsake noYakobi, beziindlalifa zalo elo dinga kunye naye. 10Kuba wayewulindele umzi lo uneziseko, ungcibi, umbangi wawo, inguThixo. 11Ngokholo noSara ngokwakhe wamkela amandla okumisa umzi, waza wazala, liseligqithile ixesha lokuba amithe, ekubeni wambalela ekuthini uthembekile lowo wabekayo ngedinga. 12Kungoko kwazalwayo nangomnye, engofileyo ke lowo, into engangeenkwenkwezi zezulu ukuba yintabalala, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, engenakubalwa. 13Aba bonke bafa ngokokholo, bengawafumananga amadinga; besuka bawabona kude, bakholosa, bathakazela, bavuma ukuba bangabasemzini, balundwendwe emhlabeni. 14Kuba abo bathetha izinto ezinjalo, babonakalalisa ukuba bangxamele ikowabo. 15Ke, ukuba okunene babekhumbula elo babephuma kulo, ngebaba nethuba lokubuyela kulo. 16Kodwa ngoku bazolulela kwelona lilungileyo, oko kukuthi, kwelasemazulwini. Kungoko uThixo angenazintloni ngabo, ukuba kuthiwe unguThixo wabo, kuba ebalungisele umzi. 17Ngokholo uAbraham wamnikela uIsake, ekuvavanyweni kwakhe; 18Kwakusithiwa ngaye, Imbewu yakho iya kubizwa ngoIsake; 19ekubalele ngokuba uThixo unako ukuvusa nakwabafileyo; apho athe wamthabatha khona ngokomfanekiso. 20Ngokholo uIsake wabasikelela uYakobi noEsawu, ngazo izinto eziza kubakho. 21Ngokholo uYakobi wabasikelela bobabini oonyana bakaYosefu, xa aqhawukayo; waqubuda esimelele ngentonga yakhe. 22Ngokholo uYosefu uthe, xa abhubhayo, wakukhankanya ukuphuma koonyana bakaSirayeli; Wawisa umthetho ngawo amathambo akhe. 23Ngokholo uMoses uthe akuba ezelwe, wafihlwa iinyanga zantathu ngabazali bakhe, ngenxa enokuba bambona ukuba ungumntwana omhle; abawoyika umthetho wokumkani. 24Ngokholo uMoses uthe, akuba mkhulu, akavuma ukubizwa ngokuba ungunyana wentombi kaFaro; 25enyula kanye ukuba aphathwe kakubi, ndawonye nabantu bakaThixo, kunokuba axhamle isono okomzuzwana; 26ekubalele ukungcikivwa kukaKristu kububutyebi obungaphezu kobutyebi baseYiputa, kuba wayekhangele ukwamkela umvuzo. 27Ngokholo wayishiya iYiputa, akawoyika umsindo wokumkani; kuba wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa. 28Ngokholo uyenzile ipasika nokutshizwa kwegazi, ukuze lowo wayewatshabalalisa amazibulo angawachukumisi. 29Ngokholo baluwela uLwandle oluBomvu, kwanga kusemhlabeni owomileyo; athe amaYiputa, akukulinga oko, antywiliselwa. 30Ngokholo zawa iindonga zaseYeriko, zakuba zijikeleziwe iintsuku zasixhenxe. 31Ngokholo uRahabhi ihenyukazi akatshabalalanga nabo bangevayo, akuba ezamkele ngoxolo iintlola. 32Ndisathetha ntoni na? Kuba ndingaphelelwa lixesha ndibalisa ngoGidiyon, kwanoBharaki, noSamson, noYifeta; ekaDavide, noSamuweli, neyabaprofeti; 33abathe ngokholo beyisa izikumkani, basebenza ubulungisa, bazuza amadinga, bavingca imilomo yeengonyama; 34bacima amandla omlilo, basinda kwiintlangothi zekrele, bomelela ekubeni bebeswele amandla, baba ngamagorha emfazweni, bagxotha imikhosi yabasemzini. 35Abafazi babazuza abafileyo babo bevukile; abanye ke batyakatywa, bengalwamkelanga ukhululo; ukuze bazuze uvuko olulungileyo; 36Bambi ke benziwa intlekisa, batyakatywa; phezu koko ke baviswa imixokelelwane nentolongo; 37baxulutywa ngamatye, basarhwa kubini, bahendwa; babulawa ngekrele; beswele, bebandezelwa, bengcungcuthekiswa; 38(elalingabafanelanga ihlabathi), bedinga koozintlango, noozintaba, noomiqolomba, nakwimiqolomba yomhlaba. 39Aba ke bonke, ngenxa yokuba bangqinelwe ngokholo, abalamkelanga idinga; 40uThixo esazalelele thina ngeyona nto ilungileyo, ukuze bangenziwa bagqibelele ngaphandle kwethu.
Currently Selected:
KumaHebhere KumaHebhere 11: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: