KumaHebhere KumaHebhere 2
KumaHebhere 2
1Ngenxa yoko, simelwe kukuzinyamekela ngokugqithiseleyo izinto esazivayo, hleze sikhukuliswe simke kuzo. 2Kuba, ukuba ilizwi elathethwa ngezithunywa zezulu laqina, kwathi konke ukugqitha nokungeva kwamkela umvuzo oyeleleyo; 3Sothini na thina ukusinda, sakuba siluhilizele usindiso olungakanana? eyathi ekuqaleni ukuthethwa yiyo iNkosi, yaza yaqiniselwa kuthi ngabo bayivayo; 4Naye uThixo engqina ngabo ngemiqondiso, kwanezimanga, nemisebenzi ngemisebenzi yamandla, nezabelo zoMoya oyiNgcwele, ngokokuthanda kwakhe? 5Kaloku akalithobelanga phantsi kwezithunywa zezulu elimiweyo eliza kubakho, eli sithetha ngalo. 6Ke, wakha wangqina ubani, esithi, Uyintoni na umntu, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo? 7Umsilelise kancinane kunezithunywa zezulu; Wamthwesa uzuko nembeko, Wammisa phezu kwemisebenzi yezandla zakho. 8Zonke izinto wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Kuba ekubeni wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, akashiyanga nto ingathotyelwanga phantsi kwakhe. Kungokunje asikaziboni zithotyelwe phantsi kwakhe zonke izinto. 9Ke sibona lo uncitshiswe kancinane kunezithunywa zezulu, uYesu ke, ethe ngenxa yeentlungu zokufa, ethweswe uzuko nembeko; ukuze ngobabalo lukaThixo eve ukufa ngenxa yabo bonke. 10Kuba bekumfanele lowo, ezingenxa yakhe zonke izinto ezo, nezingaye zonke izinto ezo, ekubeni ezise oonyana abaninzi eluzukweni, ukuthi ayenze ngeentlungu igqibelele imbangi yosindiso lwabo. 11Kuba lowo ungcwalisayo, kwanabo bangcwaliswayo, baphuma kumnye bonke; kungoko angenazintloni ukubabiza ngokuthi ngabazalwana; 12Esithi, Ndiya kulazisa igama lakho kubo abazalwana bam, Ndivume kuwe indumiso phakathi kwebandla. 13Abuye athi, Ndiya kukholosa ngaye. Abuye athi, Yabona, mna nabantwana andinike bona uThixo. 14Ekubeni ngoko abantwana abo bengamadlelane naye ngenyama negazi, wathi naye ngokwakhe ngokukwanjalo wabelana nabo ngezo zinto, ukuze ngako ukufa ambhangise lowo unamandla okufa, oko kukuthi, uMtyholi lo; 15abakhulule ebukhobokeni bonke abo babethe ngalo lonke ixesha lokudla kwabo ubomi bazizisulu zokoyika ukufa. 16Kuba ndithi, akathabatheli kuye zithunywa; wathabathela kuye imbewu ka-Abraham. 17Ngoko ke wafanelwa kukuba afane nabazalwana bakhe ngezinto zonke, ukuze abe ngonenceba, kwanombingeleli othembekileyo omkhulu ezintweni ezilunge kuThixo, ukuze azicamagushele izono zabantu. 18Kuba ekubeni eve ubunzima, ehendwa naye ngokwakhe, unako ukubasiza abahendwayo.
Currently Selected:
KumaHebhere KumaHebhere 2: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: