KumaHebhere KumaHebhere 8
KumaHebhere 8
1Ke kaloku, eyona nto ibalulekileyo kwezi zinto sizithethileyo: Sinombingeleli omkhulu onje, othe wahlala phantsi ngasekunene kwetrone yobuKhulu emazulwini; 2umlungiseleli wengcwele, nowomnquba wenyaniso owamiswayo nguYehova, awamiswa ngumntu. 3Kuba wonke umbingeleli omkhulu umiselwa ukuba asondeze iminikelo kwanamadini; ekuthe ngenxa yoko kwafuneka ukuba naye lo abe nento ayisondezayo. 4Kuba, ukuba ubelapha emhlabeni, ubengayi kuba ngumbingeleli, ekubeni kukho ababingeleli abanikela izipho ngokomthetho: 5bona bakhonza umzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini, kwanjengokuba uMoses wayehlatyelwe nguThixo, xa abeza kuwufeza umnquba; kuba wathi, Khangela ukuba uzenze zonke izinto ngokomfuziselo owawuboniswayo entabeni. 6Kodwa kungoku, uzuze umbuso ogqithiseleyo kulowo, kangangokuba engumlamleli womnqophiso olungileyo ngakumbi, wona usekwe phezu kwawona madinga alungileyo. 7Kuba, ukuba ubungenakusoleka lowo wokuqala, ubungayi kufunelwa ndawo owesibini. 8Kuba uthi, esola, Yabona, kuza imihla, itsho iNkosi, endiya kwenza umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli, nendlu kaYuda; 9Ungahambi ngokomnqophiso endawenzela ooyise, mini ndababamba ngesandla, ndibakhupha ezweni laseYiputa; ngenxa enokuba bengahlalanga emnqophisweni wam, nam andabakhathalela; utsho uYehova. 10Nguwo lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla, utsho uYehova; ndiya kuyibeka imithetho yam engqondweni yabo, ndiyibhale ezintliziyweni zabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam; 11Kanjalo abayi kukha bafundise elowo ummelwane wakhe, elowo umzalwana wakhe, esithi, Yazi iNkosi; ngokuba baya kundazi bonke, bethabathela komncinane base komkhulu. 12Ngokuba ndiya kukuxolela ukungalungisi kwabo, Nezono zabo, nokuchasa kwabo umthetho, ndingabi sakukhumbula. 13Ngokuthi, Umnqophiso omtsha, uwaluphalisile owokuqala. Ke into ebolileyo, yasihasha, seyikufuphi ukuba ithi shwaka.
Currently Selected:
KumaHebhere KumaHebhere 8: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.

: